Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini yooKumkani Chapter21
 
1 UManase ubeminyaka ilishumi elinamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mahlanu anamihlanu engukumkani eYerusalem; igama lonina belinguHefetsibha.
 
2 Wenza okubi emehlweni kaYehova, ngokwamasikizi eentlanga, awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
 
3 Wabuya wazakha iziganga, awayezidilizile uHezekiya uyise, wammisela uBhahali izibingelelo, wenza ooAshera, njengoko wenzayo uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, waqubuda kumkhosi wonke wezulu, wawukhonza.
 
4 Wakha izibingelelo endlwini kaYehova, leyo wathi uYehova ngayo, Ndiya kulibeka eYerusalem igama lam.
 
5 Wawakhela izibingelelo wonke umkhosi wezulu ezintendelezweni zombini zendlu kaYehova.
 
6 Wamcandisa unyana wakhe emlilweni, waba litola, wahlaba izihlabo, wamisa abaneshologu noosiyazi, waphikela ukwenza okubi emehlweni kaYehova, ukuba amqumbise.
 
7 Wawumisa umfanekiso oqingqiweyo ka-Ashera abewenzile, endlwini leyo wayethe ngayo uYehova kuDavide nakuSolomon unyana wakhe, Kuyo le ndlu naseYerusalem, endiyinyulileyo ezizweni zonke zakwaSirayeli, ndiya kulibeka khona igama lam ngonaphakade;
 
8 ndingaphindi ndilushukumise unyawo lwamaSirayeli emhlabeni endawunika ooyise; kodwa makabe aya kugcina ukwenza njengako konke endiwawisele umthetho ngako, nanjengokomyalelo wonke awawawiselayo umkhonzi wam uMoses.
 
9 Akaphulaphula ke; wawalukuhla uManase, ukuba enze okubi, ngaphezu kweentlanga awazitshabalalisayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
 
10 Wathetha uYehova ngabakhonzi bakhe abaprofeti, esithi,
 
11 Ngenxa enokuba uManase, ukumkani wakwaYuda, ewenzile loo masikizi, wenza okubi okungaphezulu kwako konke awakwenzayo ama-Amori, abengaphambi kwakhe, wawonisa namaYuda ngezigodo zakhe ezizizithixo:
 
12 ngako oko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Yabona, ndiyizisela iYerusalem neYuda ububi, eziya kuthi nzwi iindlebe zombini zabo bonke ababuvayo.
 
13 Ndololula phezu kweYerusalem ulutya lokulinganisa lwakwaSamari, nelothe yokulinganisa yendlu ka-Ahabhi, ndiyisule iYerusalem njengosula isitya, asisule, asisibeke.
 
14 Ndowalahla amasalela elifa lam, ndibanikele esandleni seentshaba zabo, ukuba baphangwe bathinjwe zizo zonke iintshaba zabo;
 
15 ngenxa enokuba benze okubi emehlweni am, bandiqumbisa, kususela kwimini abaphuma ngayo ooyise eYiputa unanamhla.
 
16 Kananjalo igazi elimsulwa uliphalaze lalininzi kunene uManase, yada yazala iYerusalem, kwathabathela kwelinye icala kwesa kwelinye; sisodwa sona isono sakhe awawonisayo ngaso amaYuda, ngokwenza okubi emehlweni kaYehova.
 
17 Ezinye izinto zikaManase, nako konke awakwenzayo, nesono sakhe awonayo ngazo, asibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
 
18 Walala uManase kooyise, wangcwatyelwa emyezweni wendlu yakhe, emyezweni kaUza.
 
19 UAmon unyana wakhe waba ngukumkani esikhundleni sakhe. UAmon ubeminyaka imashumi mabini anamibini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguMeshulemete, intombi kaHarutse waseYotebha.
 
20 Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko wenza ngako uManase uyise.
 
21 Wahamba ngendlela yonke awahamba ngayo uyise; wazikhonza izigodo ezizizithixo awazikhonzayo uyise, waqubuda kuzo.
 
22 Wamshiya uYehova, uThixo wooyise, akahamba ngendlela kaYehova.
 
23 Bamceba abakhonzi baka-Amon, bambulala ukumkani lowo endlwini yakhe.
 
24 Abantu belizwe elo bababulala bonke abo babecebe ukumkani uAmon. Bathi abantu belizwe elo bamenza ukumkani uYosiya, unyana wakhe, esikhundleni sakhe.
 
25 Ezinye izinto zika-Amon awazenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda?
 
26 Wangcwatyelwa engcwabeni lakhe, emyezweni kaUza. UYosiya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | [ Next ]