Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini yeziKronike Chapter18
 
1 Ke uYehoshafati ube enobutyebi nozuko ngokukhulu, wazekelana noAhabhi.
 
2 Wehla ekupheleni kweminyaka ethile, waya kuAhabhi kwaSamari. UAhabhi wamxhelela impahla emfutshane neenkomo ezininzi, waxhelela nabantu abenabo, wamcenga ukuba anyuke naye aye eRamoti yaseGiliyadi.
 
3 Wathi uAhabhi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati ukumkani wakwaYuda, Wohamba na nam, siye kulwa neRamoti yaseGiliyadi? Wathi kuye, Ndinjengawe, abantu bam banjengabantu bakho; soya nawe ekulweni.
 
4 Wathi uYehoshafati kukumkani wakwaSirayeli, Khawubuzise elanamhla ilizwi likaYehova.
 
5 Wabahlanganisa ke ukumkani wakwaSirayeli abaprofeti, amakhulu amane amadoda, wathi kubo, Siye kulwana neRamoti yaseGiliyadi, ndiyeke, kusini na? Bathi, Nyuka, uThixo woyinikela esandleni sokumkani.
 
6 Wathi uYehoshafati, Akusekho mprofeti kaYehova na apha, sibuzise kuye?
 
7 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Kusekho indoda enye esingabuzisa ngayo kuYehova, ke mna ndiyithiyile; ngokuba ayiprofeti okulungileyo ngam, iprofeta okubi imihla yayo yonke; nguMikaya, unyana kaImla. Wathi uYehoshafati, Makangatsho ukumkani.
 
8 Waza ukumkani wakwaSirayeli wabiza umbusi, wathi, Khawulezisa uMikaya unyana kaImla, eze apha.
 
9 Ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati ukumkani wakwaYuda babehleli elowo etroneni yakhe, bambethe iingubo zabo, behleli ebaleni, ekungeneni esangweni lakwaSamari; bonke abaprofeti beprofeta phambi kwabo.
 
10 Ke uZedekiya, unyana kaKenahana, wazenzela iimpondo zesinyithi, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Uya kuwangqula ngazo ezi ama-Aram, ude uwagqibe.
 
11 Bonke abaprofeti benjenjalo ukuprofeta, besithi, Nyuka uye eRamoti yaseGiliyadi, ube nempumelelo; uYehova uya kuyinikela esandleni sokumkani.
 
12 Ke umthunywa obeye kubiza uMikaya, wathetha kuye esithi, Khawubone, amazwi abaprofeti athetha okuhle ngamlomo mnye kukumkani; ilizwi lakho makhe libe njengelabo, uthethe okuhle.
 
13 Wathi uMikaya, Ehleli nje uYehova, athe wakuthetha uThixo wam, ndothetha kona.
 
14 Wafika kukumkani; wathi ukumkani kuye, Mikaya, siye na eRamoti yaseGiliyadi ukuba silwe, ndiyeke, kusini na? Wathi, Nyuka ube nempumelelo; baya kunikelwa esandleni senu.
 
15 Wathi ukumkani kuye, Makube zizihlandlo ezingaphi na ndikufungisa, ukuba ungathethi nto kum, ingeyiyo nyaniso egameni likaYehova? Wathi yena, Ndibone amaSirayeli onke elusali ezintabeni, njengempahla emfutshane engenamalusi.
 
16 Wathi uYehova, Abanankosi, mababuyele elowo endlwini yakhe enoxolo.
 
17 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Bendingatshongo na kuwe ukuthi, akayi kuprofeta okuhle ngam, koba kokubi?
 
18 Wathi yena, Ngako oko, liveni ilizwi likaYehova:Ndim bonile uYehova ehleli etroneni yakhe, umi wonke umkhosi wasemazulwini ngasekunene kwakhe nangasekhohlo kwakhe.
 
19 Wathi uYehova, Ngubani na oya kulukuhla uAhabhi, ukumkani wamaSirayeli, enyuke aye awe eRamoti yaseGiliyadi? Wenjenje lo ukuthetha, wenjenje lo ukuthetha.
 
20 Waphuma ke umoya, wema phambi koYehova, wathi, Ndomlukuhla mna.
 
21 Wathi uYehova kuwo, Ngantoni na? Wathi wona, Ndophuma ndiye, ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabaprofeti bakhe bonke. Wathi yena, Mlukuhle ufeze; phuma uye, wenjenjalo.
 
22 Uyabona kaloku uYehova ungenise umoya wobuxoki emlonyeni wabo baprofeti bakho; uYehova uthethe okubi ngawe.
 
23 Wesuka uZedekiya, unyana kaKenahana, wafika wambetha uMikaya esidleleni, wathi, Ugqithe ngayiphi na indlela uMoya kaYehova ukumka kum, ukuba aye kuthetha nawe?
 
24 Wathi uMikaya, Khangela, uya kubona ngaloo mini, uya kuza uthungele amagumbi, uzimela.
 
25 Wathi ukumkani wakwaSirayeli, Mthabatheni uMikaya, nibuye naye, nimse kuAmoni umphathi womzi, nakuYowashe unyana wokumkani.
 
26 Nithi, Utsho ukumkani ukuthi, Mfakeni entolongweni lo, nimdlise isonka soxiniweyo, namanzi oxiniweyo, ndide ndibuye ndinoxolo.
 
27 Wathi uMikaya, Ukuba uthe wabuya wabuya unoxolo, woba uYehova akathethanga ngam. Wathi, Yivani nonke, zizwe ziphela.
 
28 Wenyuka ke ukumkani wakwaSirayeli noYehoshafati, ukumkani wakwaYuda, baya eRamoti yaseGiliyadi.
 
29 Wathi ukumkani wakwaSirayeli kuYehoshafati, Ndiya kuzenza mntu wumbi, ndingene ekulweni; yambatha iingubo zakho wena. Wazenza mntu wumbi ukumkani wakwaSirayeli, bangena ekulweni.
 
30 Ke ukumkani wakwa-Aram wabawisela umthetho abathetheli beenqwelo zokulwa abenazo, wathi, Ize ningalwi nomncinane, nomkhulu; yilwani nokumkani wakwaSirayeli yedwa.
 
31 Kwathi, bakumbona uYehoshafati abathetheli beenqwelo zokulwa, bathi bona, Ngukumkani wakwaSirayeli; bamrhawula, beza kulwa naye. Wakhala uYehoshafati; uYehova wamnceda, uThixo wabasonga kuye.
 
32 Kwathi bakubona abathetheli beenqwelo zokulwa, ukuba asingukumkani wakwaSirayeli, babuya ekumsukeleni.
 
33 Wathi umntu watyeda isaphetha efunisela, watola ukumkani wakwaSirayeli ekuhlanganeni kwengubo yentsimbi namasondo ayo. Wathi kumqhubi wenqwelo yakhe yokulwa, Jika izandla zakho, undikhuphele ngaphandle komkhosi, ngokuba ndingxwelerhiwe.
 
34 Ukulwa kwenyuka loo mini. Ukumkani wakwaSirayeli wazimisa enqwelweni phambi kwama-Aram kwada kwahlwa; wafa ukutshona kwelanga.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | [ Next ]