Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyokuQala kuTimoti Chapter5
 
1 Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana;
 
2 abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.
 
3 Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene.
 
4 Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.
 
5 Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini.
 
6 Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi.
 
7 Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka.
 
8 Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.
 
9 Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye,
 
10 engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondle abantwana, ukuba wamkele iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.
 
11 Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala nguKristu, bothanda ukwenda;
 
12 benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala.
 
13 Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, basuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo.
 
14 Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa.
 
15 Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana.
 
16 Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi, malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene.
 
17 Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni.
 
18 Kuba sitsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsebenzi uwufanele umvuzo wakhe.
 
19 Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu.
 
20 Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.
 
21 Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani.
 
22 Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu.
 
23 Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.
 
24 Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye ke ziyabalandela nokubalandela.
 
25 Kwangokunjalo nemisebenzi emihle isekuhleni kanye, naleyo ingenjalo ayinako ukufihlakala.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | | 6 | [ Next ]