|
EyokuQala kuTimoti Chapter2 1 Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke; 2 ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke. 3 Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo; 4 onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso. 5 Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu, 6 lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo; 7 endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni. 8 Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo. 9 Kwangokunjalo mabathi nabafazi banxibe iingubo ezifanelekileyo, beneentloni, benesidima, ingabi kukuphotha iinwele, nokunxitywa kwegolide neeperile, nesambatho esixabiso likhulu; 10 mabathi (ngokufanele abafazi abathi bahlonela uThixo), bavathe imisebenzi elungileyo. 11 Umfazi, ezolile, makafunde ethobele konke. 12 Umfazi ke andimvumeli ukuba afundise, nokuba ayilawule indoda; makazole. 13 Kuba kwabunjwa uAdam kuqala, kwandula ke ukubunjwa uEva. 14 Kanjalo akulukuhlwanga Adam; kulukuhlwe umfazi, waba sekugqitheni. 15 Noko ke wosindiswa ngokuzala, ukuba bathe bema elukholweni, naseluthandweni, nasebungcwaliseni, benesidima.
|
|