Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyokuQala yeziKronike Chapter21
 
1 Ke kaloku uSathana wesukela phezulu kumaSirayeli, waxhokonxa uDavide ukuba awabale amaSirayeli.
 
2 Wathi ke uDavide kuYowabhi nakubathetheli babantu, Khaniye, niwabale amaSirayeli, nithabathela eBher-shebha, nide nise kwaDan, nilizise kum, ndilazi inani lawo.
 
3 Wathi uYowabhi, UYehova makalongezelele inani labantu bakhe izihlandlo ezilikhulu, kunoko bangako; kodwa, nkosi yam, kumkani, abangabakhonzi benkosi yam bonke, yini na? Iyifunelani na le nto inkosi yam? Yini na ukuba iwazekise ityala amaSirayeli?
 
4 Laqinisela ilizwi lokumkani kuYowabhi. Waphuma ke uYowabhi, wahambahamba kumaSirayeli onke, weza eYerusalem.
 
5 UYowabhi wamnika ke uDavide inani lokubalwa kwabantu. AmaSirayeli onke aba sisigidi esinye esinamawaka alikhulu samadoda aphatha ikrele; namaYuda angamakhulu amane anamanci asixhenxe amawaka amadoda aphatha ikrele.
 
6 Ke abaLevi namaBhenjamin akawabalanga phakathi kwawo; ngokuba ilizwi lokumkani laye lilisikizi kuYowabhi.
 
7 Kwaba kubi emehlweni kaThixo ngenxa yale nto; wawohlwaya ke amaSirayeli.
 
8 Wathi uDavide kuThixo, Ndonile kunene ngale nto ndiyenzileyo; kaloku khawubukhwelelise ubugwenxa bomkhonzi wakho; ngokuba ndenze ubudenge obukhulu.
 
9 Wathetha uYehova kuGadi, imboni kaDavide, esithi,
 
10 Yiya uthethe kuDavide, uthi, Utsho uYehova ukuthi, Ndikubekela izinto ezintathu; zinyulele ibe nye kuzo, ndiyenze kuwe.
 
11 Waya ke uGadi kuDavide, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Zityumbele;
 
12 nokuba yiminyaka emithathu yendlala; nokuba ziinyanga ezintathu ugxothwa ziintshaba zakho, nekrele leentshaba zakho likufikela; nokuba yimihla emithathu yekrele likaYehova, nendyikitya yokufa ezweni, isithunywa sikaYehova sisonakalisa emimandleni yonke yakwaSirayeli. Kaloku ke, yenza ilizwi endolibuyisela kondithumileyo.
 
13 Wathi uDavide kuGadi, Ndididekile kunene; masendisiwa esandleni sikaYehova, ngokuba ininzi imfesane yakhe; mandingaweli esandleni somntu.
 
14 UYehova wathoba ke indyikitya yokufa kwaSirayeli; kwawa amashumi asixhenxe amawaka amadoda kwaSirayeli.
 
15 UThixo wathuma isithunywa eYerusalem, ukuba siyitshabalalise. Sakubona ukuba siyatshabalalisa, wabona uYehova, wazohlwaya ngenxa yobubi obo; wathi kwisithunywa eso sitshabalalisayo, Kwanele, sithobe kaloku isandla sakho. Ke kaloku isithunywa sikaYehova sema esandeni sikaOrnan umYebhusi.
 
16 UDavide wawaphakamisa amehlo akhe, wabona isithunywa sikaYehova simi phakathi komhlaba nezulu, sithe rhuthu ikrele laso ngesandla, lolulelwe phezu kweYerusalem. UDavide namadoda amakhulu, bezigubungele ngeengubo ezirhwexayo, bawa phantsi ngobuso.
 
17 Wathi uDavide kuThixo, Asindim yini na othe mababalwe abantu? Yaba ndim ke owonileyo, ndenza ububi ukwenza oko; ke ezi zimvu zenze ntoni na zona? Yehova Thixo wam, isandla sakho masifikele mna, nendlu kabawo, singabi kubantu bakho, ukuba babulawe.
 
18 Sathi isithunywa sikaYehova kuGadi, Makatsho kuDavide, enyuke uDavide, amisele uYehova isibingelelo esandeni sikaOrnan umYebhusi.
 
19 Wenyuka uDavide ngelizwi likaGadi, awalithethayo egameni likaYehova.
 
20 Wathi guququ uOrnan, wasibona isithunywa; oonyana bakhe abane ababenaye bazimela; ke uOrnan wayebhula ingqolowa.
 
21 Xa uDavide wayesiza kuOrnan, uOrnan wabheka wabona uDavide, waphuma esandeni, waqubuda kuDavide, ebhekise ubuso bakhe emhlabeni.
 
22 Wathi uDavide kuOrnan, Ndinike le ndawo yesanda, ndimakhele uYehova khona isibingelo; wondinika ngenani elizeleyo, sithintelwe isibetho ebantwini.
 
23 Wathi uOrnan kuDavide, Yithabathele kuwe, inkosi yam ukumkani yenze okulungileyo emehlweni ayo; khangela, ndikunika iinkomo ezi ukuba zibe ngamadini anyukayo, nempahla yokubhula ibe ziinkuni, nengqolowa ukuba ibe ngumnikelo wokudla; ndikunika konke oko.
 
24 Wathi ukumkani uDavide kuOrnan, Hayi; ndiya kusithenga ngexabiso elizalisekileyo; ngokuba andiyi kumthabathela nto iyeyakho uYehova, ndinyuse amadini anyukayo endiwazuze ngelize.
 
25 UDavide wamnika uOrnan ngaloo ndawo iishekele zegolide ezibunzima bumakhulu mathandathu.
 
26 Wakhela apho ke uDavide isibingelelo kuYehova, wanyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wanqula uYehova; waza yena wamphendula ngomlilo ovela ezulwini, phezu kwesibingelelo sedini elinyukayo.
 
27 Wathetha uYehova kwisithunywa, salibuyisela esingxobeni ikrele laso.
 
28 Ngelo xesha, akubona uDavide ukuba uYehova umphendule esandeni sikaOrnan umYebhusi, wamana ebingelela khona.
 
29 Ke umnquba kaYehova, awa wenzayo uMoses entlango, nesibingelelo sedini elinyukayo, bezisesigangeni eGibheyon ngelo xesha.
 
30 UDavide ubengenakuya phambi kwawo amquqele uThixo; ngokuba ubesoyika ikrele lesithunywa sikaYehova.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | [ Next ]