|
EyokuQala yeziKronike Chapter14 1 Ke kaloku uHiram, ukumkani waseTire, wathuma abathunywa kuDavide, nemisedare, neengcibi zeendonga, neengcibi zemithi, ukumakhela indlu. 2 Wazi uDavide ukuba uYehova umqinisile waba ngukumkani wamaSirayeli; baphakanyiselwa phezulu ubukumkani bakhe ngenxa yabantu bakhe amaSirayeli. 3 UDavide wabuya wazeka abanye abafazi eYerusalem; uDavide wabuya wazala abanye oonyana neentombi. 4 Ngawo la amagama abantwana awabazuzayo eYerusalem:uShamuwa, noShobhabhi, noNatan, noSolomon, 5 noIbhehare, noElishuwa, noElipelete, 6 noNoga, noNefege, noYafiya, 7 noElishama, noBheleyada, noElifelete. 8 Athi ke amaFilisti, akuva ukuba uthanjiswe uDavide, waba ngukumkani kumaSirayeli onke, enyuka onke amaFilisti, aya kumfuna uDavide. Weva uDavide, waphuma waya kuwahlangabeza. 9 AmaFilisti eza athi dwe entilini yamaRafa. 10 Wabuza uDavide kuThixo, wathi, Ndinyuke na ndiye kumaFilisti? Wowanikela na esandleni sam? Wathi uYehova kuye, Nyuka, ndowanikela esandleni sakho. 11 Benyuka baya eBhahali-peratsim, wawabulalela khona uDavide. Wathi uDavide, UThixo uzityhobozele iintshaba zam ngesandla sam, njengokutyhoboza kwamanzi; ngenxa yoko bathi igama laloo ndawo yiBhahali-peratsim. 12 Azishiya apho izithixo zawo; wathi uDavide mazitshiswe ngomlilo. 13 Abuya aphinda amaFilisti, athi dwe entilini leyo. Wabuya wabuza uDavide kuThixo. 14 Wathi uThixo kuye, Uze ungenyuki uwasukele; jika umke kuwo, ufike kuwo malunga nemithi yemibhaka; 15 kuthi, ekuveni kwakho isandi sokuhamba emantloko emithi yemibhaka, wandule ukuphuma ulwe; ngokuba uphumile uThixo phambi kwakho, ukuba awuxabele umkhosi wamaFilisti. 16 Wenza uDavide njengoko uThixo wamwisela umthetho ngako; bawuxabela umkhosi wamaFilisti, bathabathela eGibheyon, besa naseGezere. 17 Lwaphuma lwagqiba ilizwe udumo lukaDavide; uYehova wazenza zonke iintlanga ukuba zinkwantye nguye.
|
|