|
UZekariya Chapter13 1 Ngaloo mini kuya kubakho ithende elivulelwe indlu kaDavide nabemi baseYerusalem, ngenxa yesono nangenxa yokungcola. 2 Kothi ngaloo mini, utsho uYehova wemikhosi, ndiwanqumle amagama ezithixo elizweni, zingabi sakhunjulwa; nabaprofeti nomoya wobunqambi ndibagqithise, bangabikho ezweni apha. 3 Kothi xa athe wabuya waprofeta ubani, bathi kuye uyise nonina abamzalayo. Akuyi kuphila, kuba uthethe ubuxoki egameni likaYehova. Uyise nonina abamzalayo bomhlaba amahlanza ngenxa yokuprofeta kwakhe. 4 Kothi ngaloo mini, badane abaprofeti, elowo ngumbono wakhe, ekuprofeteni kwakhe, bangambathi ngubo ixhonti yokuze bakhohlise. 5 Wothi, Andimprofeti, ndingumntu olima umhlaba; kuba wandithenga umntu ndisemncinane. 6 Kothiwa kuye, Ayini na la manxeba asezandleni zakho? athi, Ngandangxwelerhwa ngawo endlwini yabazizihlobo zam. 7 Krele, vuka usukele phezulu kumalusi wam, kumfo ongummelwane, utsho uYehova wemikhosi; betha kumalusi, umhlambi ube lusali; ndisibuyisele isandla sam phezu kwezincinane. 8 Kothi ezweni lonke, utsho uYehova, izahlulo ezibini kulo zinqanyulwe zife, esesithathu sihlale kulo. 9 Ndosizisa emlilweni esesithathu, ndibanyibilikise njengokunyibilikiswa kwesilivere, ndibacikide njengokucikidwa kwegolide. Bona baya kunqula igama lam, ndibaphendule mna; ndiya kuthi, Ngabantu bam bona; bathi bona, Yehova, unguThixo wethu.
|
|