Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
INumeri Chapter4
 
1 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
 
2 Libale inani loonyana bakaKehati abaphakathi koonyana bakaLevi ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
 
3 uthabathele kominyaka imashumi mathathu ezelwe, unyuse, use kominyaka imashumi mahlanu ezelwe:labo bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba benze umsebenzi ententeni yokuhlangana.
 
4 Nguwo lo umsebenzi woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana wengcwele kangcwele:
 
5 ekundulukeni komkhosi eminqubeni bongena ooAron noonyana bakhe, bawuthule umkhusane osisisitheliso, bayigubungele ngawo ityeya yesingqino.
 
6 Bobeka phezu kwawo isigubungelo sezikhumba zamahlengezi batwabulule ngaphezulu ingubo ebala limsi liphela, bazifake izibonda zawo.
 
7 Ize batwabulule ingubo ebala limsi phezu kwetafile yezonka zokubonisa, babeke phezu kwayo izitya, neenkamba, namathunga, neendebe zokuthululwa, nezonka zamaxhesha onke, zibe phezu kwayo.
 
8 Botwabulula phezu kwazo ingubo ebomvu, bagubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zayo.
 
9 Bothabatha ingubo ebala limsi, bagubungele isiphatho sezikhanyiso nezibane zaso, nezifinyiso zaso, neenkamba zaso, nazo zonke izitya zeoli zaso abasilungiselela ngazo;
 
10 basibeke nempahla yaso yonke esigubungelweni sezikhumba zamahlengezi, basibeke ethaleni.
 
11 Ize batwabulule phezu kwesibingelelo segolide ingubo ebala limsi, bayigubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zaso.
 
12 Bothabatha yonke impahla yokulungiselela, abalungiselela ngayo engcweleni, bayibeke engutyeni ebalalimsi, bayigubungele ngesigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bayibeke ethaleni.
 
13 Boluwola uthuthu lwesibingelelo, batwabulule phezu kwaso ingubo emfusa;
 
14 bazibeke phezu kwayo zonke iimpahla zaso, abalungiselela ngazo kuso:iingcedevu zamalahle, neefolokhwe, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, zonke iimpahla zesibingelelo, batwabulule phezu kwazo isigubungelo sezikhumba zamahlengezi, bafake izibonda zaso;
 
15 bagqibe ooAron noonyana bakhe ukuyigubungela ingcwele nempahla yonke yengcwele ekundulukeni komkhosi eminqubeni. Emveni koko ke boza kuthwala oonyana bakaKehati; bangayichukumisi ingcwele, hleze bafe. Nguwo lowo umthwalo woonyana bakaKehati ententeni yokuhlangana.
 
16 Isigxina sikaElazare, unyana ka-Aron, umbingeleli, kukugcina ioli yesikhanyiso, nesiqhumiso esimnandi, nomnikelo wokudla wamaxesha onke, neoli yokuthambisa, uvelelo lomnquba wonke nento yonke ekuwo engcweleni, nasezimpahleni zayo.
 
17 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
 
18 Musani ukusinqumla isizwe esingumzalwana wakwaKehati phakathi kwabaLevi.
 
19 Yenzani le nto kubo, ukuba baphile, bangafi ekusondeleni kwabo engcweleni kangcwele:bongena ooAron noonyana bakhe, babamise elowo emsebenzini wakhe nasemthwalweni wakhe;
 
20 bangangeni bakhangele ingcwele, nangephanyazo eli, hleze bafe.
 
21 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
22 Libale inani loonyana bakaGershon nabo, ngokwezindlu zooyise, ngokwemizalwane yabo,
 
23 bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; wobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
 
24 Nguwo lo umsebenzi wemizalwane yakwaGershon wokusebenza nokuthwala:
 
25 bothwala amalengalenga omnquba, nentente yokuhlangana, isigubungelo sayo, nesigubungelo sezikhumba zamahlengezi esiphezu kwaso ngaphezulu, nesisitheliso somnyango wentente yokuhlangana,
 
26 namawunduwundu entendelezo, nesisitheliso sokungena kwesango lentendelezo, esemnqubeni nasesibingelelweni ngeenxa zonke, nezintya zawo, nempahla yonke yomsebenzi wabo, nento yonke eyenzelwe ukuba basebenze ngayo.
 
27 Woba ngokomlomo ka-Aron noonyana bakhe wonke umsebenzi woonyana bakaGershon, ekuthwaleni kwabo konke nasekusebenzeni kwabo konke, nibenze bavelele bakugcine konke ukuthwala kwabo.
 
28 Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaGershon ententeni yokuhlangana. Isigxina sabo soba sesandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
 
29 Oonyana bakaMerari wobabala ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
 
30 bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; nobabala bonke abeza kuphuma umkhosi, basebenze ententeni yokuhlangana.
 
31 Siso esi isigxina sokuthwala kwabo, ekusebenzeni kwabo konke ententeni yokuhlangana:iiplanga zomnquba, nemivalo yawo, neentsika zawo, neziseko zawo, neentsika zentendelezo ngeenxa zonke,
 
32 neziseko zazo, nezikhonkwane zazo, nezintya zazo, ngokwempahla yazo yonke, nangokomsebenzi wazo wonke; nizibhale ngamagama iimpahla zesigxina sokuthwala kwabo.
 
33 Nguwo lowo umsebenzi wemizalwane yoonyana bakaMerari, ngokomsebenzi wabo wonke ententeni yokuhlangana, esandleni sikaItamare, unyana ka-Aron umbingeleli.
 
34 OoMoses noAron nezikhulu zebandla bababala ke oonyana bakaKehati ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
 
35 bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe; bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana.
 
36 Ababalwayo kubo ngokwemizalwane yabo baba ngamawaka amabini anamakhulu asixhenxe, anamanci mahlanu.
 
37 Ngabo abo ababalwayo kwimizalwane yakwaKehati; bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
 
38 Ababalwayo koonyana bakaGershon ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
 
39 bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana,
 
40 ababalwayo kubo ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise, baba ngamawaka amabini, anamakhulu mathandathu, anamanci mathathu.
 
41 Ngabo abo ababalwayo kwimizalwane yoonyana bakaGershon, bonke abo basebenzayo ententeni yokuhlangana, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova.
 
42 Ababalwayo kwimizalwane yoonyana bakaMerari, ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
 
43 bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe, banyuse, base kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abeza kuphuma umkhosi, ukuba basebenze ententeni yokuhlangana,
 
44 ababalwayo kubo ngokwemizalwane yabo, baba ngamawaka amathathu, anamakhulu mabini.
 
45 Ngabo abo babalwayo kwimizalwane yoonyana bakaMerari, awababalayo uMoses noAron ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses.
 
46 Bonke ke ababalwayo, awababalayo uMoses noAron nezikhulu zakwaSirayeli, kubaLevi ngokwemizalwane yabo, ngokwezindlu zooyise,
 
47 bethabathela kominyaka imashumi mathathu ezelwe banyuse, basekominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bonke abo baza kusebenza imisebenzi ngemisebenzi, nomsebenzi wokuthwala ententeni yokuhlangana,
 
48 ababalwayo kubo, baba ngamawaka asibhozo, anamakhulu mahlanu, anamanci asibhozo.
 
49 Babenza bavelela ngokomlomo kaYehova, ngesandla sikaMoses, elowo emsebenzini wakhe, nasemthwalweni wakhe, nasezintweni awozivelela, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | [ Next ]