Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
INumeri Chapter25
 
1 AmaSirayeli ahlala eShitim. Baqala abantu bahenyuza neentombi zakwaMowabhi.
 
2 Zababizela abantu emibingelelweni yoothixo bazo; badla abantu, banqula oothixo bazo.
 
3 AmaSirayeli azibandakanya ke noBhahali-pehore. Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli.
 
4 Wathi uYehova kuMoses, Thabatha bonke abaziintloko zabantu, ubabethelele abanetyala emnqamlezweni kuYehova phambi kwelanga, kubuyiswe ukuvutha komsindo kaYehova kumaSirayeli.
 
5 Wathi uMoses kubagwebi bakwaSirayeli, Bulalani elowo abantu bakhe, abazibandakanyileyo noBhahali-pehore.
 
6 Kwabonakala ke indoda yakoonyana bakaSirayeli, ifika isondeza kubazalwana bayo umMidiyanekazi emehlweni kaMoses, nasemehlweni ebandla lonke loonyana bakaSirayeli, ababelila emnyango wentente yokuhlangana.
 
7 Wabona uPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, wesuka phakathi kwebandla, wathabatha umkhonto ngesandla sakhe.
 
8 Wayilandela indoda engumSirayeli, waya egumbini, wabahlaba amahlanza bobabini, indoda engumSirayeli, nenkazana leyo esiswini sayo. Sathintelwa ke isibetho koonyana bakaSirayeli.
 
9 Abafayo ngesibetho baba ngamawaka amashumi amabini anamane.
 
10 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
11 UPinehasi, unyana kaElazare, unyana ka-Aron umbingeleli, ububuyisile ubushushu bam koonyana bakaSirayeli, ekukhweleteni kwakhe njengekhwele lam phakathi kwabo, ukuze ndingabagqibi oonyana bakaSirayeli ngekhwele lam.
 
12 Yithi ngoko, Yabona, ndimnika umnqophiso wam woxolo,
 
13 ube ngumnqophiso wobubingeleli obungunaphakade, kuye nakwimbewu yakhe emva kwakhe, ngenxa enokuba ebenekhwele ngoThixo wakhe, wabacamagushela oonyana bakaSirayeli.
 
14 Igama lendoda engumSirayeli, leyo yahlatywayo, yahlatywa nomMidiyanekazi, ibinguZimri unyana kaSalu, inkulu yendlu yooyise kwaSimon.
 
15 Igama lenkazana leyo yahlatywayo ingumMidiyanekazi, belinguKozibhi, intombi kaTsure, obeyintloko yezizwe zendlu yooyise kwaMidiyan.
 
16 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
17 Wabandezeleni amaMidiyan niwaxabele;
 
18 ngokuba wona anibandezele ngamayelenqe awo abewenzile kuni, ngenxa yendawo kaPehore, nangenxa yendawo kaKozibhi, intombi yenkulu yakwaMidiyan, udade wabo, owahlatywa ngomhla wesibetho ngenxa yendawo kaPehore.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | [ Next ]