Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
INumeri Chapter2
 
1 Wathetha uYehova kuMoses nakuAron, esithi,
 
2 Elowo koonyana bakaSirayeli woyimisa intente yakhe ngakwibhanile yakowabo, eziqondisweni zezindlu zooyise, bamise malunga nentente yokuhlangana ngeenxa zonke.
 
3 Abomisa phambili ngasempumalanga boba ngabebhanile yakwaYuda ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaYuda nguNashon, unyana ka-Aminadabhi;
 
4 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi osixhenxe anesine amawaka, anamakhulu mathandathu.
 
5 Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaIsakare; inkulu yoonyana bakaIsakare nguNathaniyeli, unyana kaTsuhare;
 
6 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anamane amawaka, anamakhulu mane.
 
7 Ize kulandele isizwe sakwaZebhulon; inkulu yoonyana bakaZebhulon nguEliyabhi, unyana kaHelon;
 
8 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesixhenxe amawaka, anamakhulumane.
 
9 Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaYuda likhulu lamawaka, anamanci osibhozo amawaka, anesithandathu samawaka, anamakhulu mane, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka kuqala bona.
 
10 Ibhanile yeminquba yakwaRubhen yoba ngasezantsi ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaRubhen nguElitsure, unyana kaShedeyure;
 
11 umkhosi wakhe, abo babalwayo kuye, ngamashumi omane anesithandathu samawaka, anamakhulu mahlanu.
 
12 Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwaSimon; inkulu yoonyana bakaSimon nguShelumiyeli, unyana kaTsurishadayi;
 
13 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesithoba amawaka, anamakhulu mathathu.
 
14 Ize kulandele isizwe sakwaGadi; inkulu yoonyana bakaGadi nguEliyasafu, unyana kaRehuweli;
 
15 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane anesihlanu amawaka, anamakhulu mathandathu, anamanci mahlanu.
 
16 Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaRubhen likhulu lamawaka, elinamanci mahlanu amawaka, anawakanye, linamakhulu mane, anamanci mahlanu, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesibini.
 
17 Yoncothulwa intente yokuhlangana, ineminquba yabaLevi phakathi kweminye iminquba; njengoko bamisa ngako, bonduluka ngako, elowo endaweni yakhe ngokwebhanile yakowabo.
 
18 Ibhanile yeminquba yakwaEfrayim yoba ngasentshonalanga, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaEfrayim nguElishama, unyana ka-Amihude;
 
19 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane amawaka, anamakhulu mahlanu.
 
20 Ngakuye ibe sisizwe sakwaManase; inkulu yoonyana bakaManase nguGamaliyeli, unyana kaPedatsure;
 
21 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathathu anesibini amawaka, anamakhulu mabini.
 
22 Kuze kulandele isizwe sakwaBhenjamin; inkulu yoonyana bakaBhenjamin nguAbhidan, unyana kaGidiyoni;
 
23 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathathu anesihlanu amawaka, anamakhulu mane.
 
24 Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaEfrayim likhulu lamawaka, anesibhozo samawaka anakhulu-nye, ngokwemikhosi yabo. Bonduluka beyeyesithathu.
 
25 Ibhanile yeminquba yakwaDan yoba ngasentla, ngokwemikhosi yabo; inkulu yoonyana bakaDan nguAhiyezere, unyana ka-Amishadayi;
 
26 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omathandathu anesibini amawaka, anamakhulu asixhenxe.
 
27 Abomisa ngakuye yoba sisizwe sakwa-Ashere, inkulu yoonyana baka-Ashere nguPagiyeli, unyana kaOkran;
 
28 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omane amawaka, anawaka-nye, linamakhulu mahlanu.
 
29 Ize kulandele isizwe sakwaNafetali; inkulu yoonyana bakaNafetali nguAhira, unyana kaEnan;
 
30 umkhosi wakhe, abo babalwayo kubo, ngamashumi omahlanu anesithathu samawaka, anamakhulu mane.
 
31 Bonke ke ababalelwa eminqubeni yakwaDan likhulu lamawaka, anamanci omahlanu anesixhenxe samawaka, anamakhulu mathandathu. Bonduluka bengabokugqibela, ngokweebhanile zabo.
 
32 Ngabo ke abo babalwayo koonyana bakaSirayeli, ngokwezindlu zooyise; bonke ababalelwa eminqubeni ngokwemikhosi yabo ngamakhulu omathandathu amawaka, anesithathu samawaka, anamakhulu mahlanu, anamanci mahlanu.
 
33 Ke abaLevi ababalelwanga phakathi koonyana bakaSirayeli, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses.
 
34 Benza ke oonyana bakaSirayeli; njengako konke uYehova abemwisele umthetho uMoses, benjenjalo ukumisa iintente ngokweebhanile zakowabo; benjenjalo ukunduluka, elowo ngokomzalwane wakhe, ngokwezindlu zooyise.
 
 

  [ Prev ] 1 | | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | [ Next ]