Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UMika Chapter7
 
1 Athi ke mna! Kuba ndisuke ndaba njengokuhlanganiswa kweziqhamo zasehlotyeni, njengokubhikicwa kweediliya; akukho sihloko sakudliwa; akukho khiwane liqalelayo, linqwenelwayo ngumphefumlo wam.
 
2 Udakile owenceba, akabakho ehlabathini; akasekho nothe tye phakathi koluntu; bonke bephela balalela igazi, elowo uzingela umzalwana wakhe ngomnatha.
 
3 Izandla zabo zozibini zisentweni embi ukuba ziyifeze; uthi umthetheli acele ngegunya, umgwebi enzele umvuzo; omkhulu yena uthetha ububi bomphefumlo wakhe; benjenjalo ke ukuyiphotha.
 
4 Olungileyo kubo unjengomtholo, othe tye ugqithisele nakuthango lweminga; iyeza imini yababoniseli bakho, yokuvelelwa kwakho, kubekho ngoku ukudideka kwabo.
 
5 Musani ukukholwa nguwenu, ningakholosi ngekholwane; nakolele esifubeni sakho, zigcine iingcango zomlomo wakho.
 
6 Ngokuba unyana umenza isidenge uyise, intombi isukela phezulu kunina, umolokazana kuninazala; iintshaba zomntu ngabantu bendlu yakhe.
 
7 Mna ke ndiya kuqwalasela kuYehova; ndiya kulindela kuThixo wokusindiswa kwam; uya kundiva uThixo wam.
 
8 Musa ukundivuyelela, lutshaba lwam; kuba, ndiwile nje, ndiya kubuya ndivuke; kuba, ndihleli emnyameni nje, uYehova uya kuba kukukhanya kum.
 
9 Ukujala kukaYehova ndiya kukuthwala, kuba ndonile kuye, ade andithethelele etyaleni lam, andilungisele; uya kundikhuphela ekukhanyeni; ndiya kububona ubulungisa bakhe.
 
10 Ke utshaba lwam luya kubona, lugutyungelwe kukudana, obe lusithi kum, Uphi na uYehova, uThixo wakho? Amehlo am aya kulubona; kungoku luya kunyathelwa njengodaka lwezitrato.
 
11 Iyeza imini yokwakhiwa kweendonga zakho; ngaloo mini uya kuba kude ummiselo.
 
12 Ngaloo mini boza kuwe, bevela eAsiriya nasemizini yaseYiputa, bethabathela eYiputa, bade base kuwo uMlambo; bethabathela elwandle, base elwandle; bethabathela entabeni base entabeni.
 
13 Kuya kuba senkangala elizweni, ngenxa yabemi balo, ngenxa yeziqhamo zeentlondi zabo.
 
14 Yalusa abantu bakho ngentonga yakho, iigusha zelifa lakho, ezihleli zodwa, ehlathini phakathi kweKarmele; mazidle eBhashan nakwelaseGiliyadi, ngokweemini zasephakadeni.
 
15 Ngokweemini zokuphuma kwakho ezweni laseYiputa, ndiya kubabonisa imisebenzi ebalulekileyo.
 
16 Iintlanga ziya kubona, zibudanele ubugorha bazo bonke; ziya kubeka isandla emlonyeni, iindlebe zazo ziya kuba zizithulu.
 
17 Ziya kukhotha uthuli njengenyoka, njengezinambuzane zehlabathi; ziya kuphuma zigungqa ekuvingcelweni kwazo; ziya kuya zinkwantya kuYehova uThixo wethu, zoyike phambi kwakho.
 
18 Ngubani na onguThixo onjengawe, oxolela ubugwenxa, adlule esikreqweni samasalela elifa lakhe? Akawugcini unaphakade umsindo wakhe; kuba yena uthanda ukwenza inceba.
 
19 Wobuya abe nemfesane kuthi, abunyathelele phantsi ubugwenxa bethu; woziphosa ezinzulwini zolwandle zonke izono zabo.
 
20 Uya kumnika uYakobi inyaniso, umnike uAbraham inceba, owabafungela yona oobawo kususela kwimihla yamandulo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | |