|
UMika Chapter2 1 Athi ke, abo bacinga ubutshinga, basebenze ububi ezililini zabo! abathi ekukhanyeni kwengomso babenze, ngokuba isandla sabo singuthixo wabo. 2 Banqwenela amasimi, bawahluthe; kwanezindlu, bazithabathe; bacudisa umfo nendlu yakhe, indoda nelifa layo. 3 Ngako oko utsho uYehova ukuthi, Yabonani, ndicinga ububi ngale mizalwane, eningayi kuzirhola iintamo zenu kubo, ningahambi niqhankqalaza; kuba lixesha lobubi. 4 Ngaloo mini kuya kwenziwa umzekeliso ngani, bameme isimema, kuthiwe, Kwenzekile; sibhuqiwe sabhuqwa. Isahlulo sabantu bakowethu usananisile; hayi, ukusisusa kwakhe kum! amasimi ethu uwabela amaphamba. 5 Ngako oko akuyi kuba naye okuphosela ulutya kwiqashiso ebandleni likaYehova. 6 Bathi, Musani ukuwisa intetho, bewisa intetho; ukuba abathe bawisa intetho kubo abo, akayi kubuya umva amahlazo. 7 Wena kuthiwa uyindlu kaYakobi, uyazekaneka na uMoya kaYehova? kukwenza kwakhe na oku? Akalungisi na amazwi am kohamba ngokuthe tye? 8 Izolo eli abantu bam basuke ngokotshaba; nibahluba ingubo ende yokwaleka kwengaphantsi, abadlula bekholosile, bengathandi kulwa. 9 Abafazi babantu bam niyabagxotha ezindlwini zeziyolo zabo; ebantwaneni babo nizithabathile izivatho zam ngonaphakade. 10 Sukani, nihambe; kuba asiyiyo indawo yokuphumla kwenu le; ngenxa yobunqambi bayo obonakalisayo, obonakalisayo kakhulu. 11 Ukuba bekukho umntu ohamba nomoya, exokisa ngamanga, esithi, Ndiya kuwisa intetho kuwe ngokusingisele kwiwayini, nakwisiselo esinxilisayo, ubeya kuba ngumwisi-ntetho kwaba bantu. 12 Ndiya kukuhlanganisa okunene, Yakobi, uphela; okunene ndiya kuwabutha amasalela akwaSirayeli; ndiya kubenza babe banye, njengempahla emfutshane yaseBhotsera, njengomhlambi ophakathi kwedlelo lawo; baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabantu. 13 Unyuke phambi kwabo umgqobhozi; bayagqobhoza, bayangena esangweni, bayaphuma kwangalo; ukumkani wabo uhamba phambi kwabo, uYehova esentloko kubo.
|
|