Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UMateyu Chapter26
 
1 Kwathi, xa ebewagqibile uYesu onke la mazwi, wathi kubafundi bakhe,
 
2 Niyazi ukuba emveni kweentsuku ezimbini kukho ipasika, aze uNyana woMntu anikelwe ukuba abethelelwe emnqamlezweni.
 
3 Bathi ngelo xa ababingeleli abakhulu, nababhali, namadoda amakhulu abantu, bahlanganisana endlwini yombingeleli omkhulu okuthiwa nguKayafa;
 
4 babhunga ukuba bambambe uYesu ngenkohliso, bambulale.
 
5 Ke babesithi, Makungabi khona ngomthendeleko, ukuze kungehli saqunge phakathi kwabantu.
 
6 Ke kaloku, akubon’ ukuba uYesu useBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa,
 
7 kweza kuye umfazi enehlala lelabhastile, linamafutha aqholiweyo axabiso likhulu, wawagalela phezu kwentloko yakhe, akubon’ ukuba uhleli ngasesithebeni.
 
8 Bekubonile ke oko abafundi bakhe, bacaphuka, besithi, Yeyani na le nkcitho?
 
9 Kuba la mafutha ngekuthengiswe lukhulu ngawo, kwaza kwaphiwa amahlwempu.
 
10 Ekwazi ke oko, uYesu wathi kubo, Umfazi lo nimaphulelani na? Kuba usebenze kum umsebenzi omhle.
 
11 Kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo; kodwa mna anihleli ninam.
 
12 Kuba la mafutha aqholiweyo, yena ewathululele emzimbeni wam nje, wenzele ukungcwatywa kwam.
 
13 Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye.
 
14 Ngelo xesha kwaphuma omnye weshumi elinababini, ekuthiwa nguYuda Sikariyoti, waya kubabingeleli abakhulu,
 
15 wathi, Ningandinika ntoni na, ndimnikele kuni? Bammisela ke amaqhosha esilivere amashumi mathathu.
 
16 Waza kwalapho wafuna ithuba elilungileyo lokuze amnikele kubo.
 
17 Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, beza abafundi kuYesu, besithi kuye, Ufuna ukuba sikulungisele phi na ukuyidla ipasika?
 
18 Wathi ke yena, Hambani niye kuwo umzi, kuthile, nithi kuye, Uthi uMfundisi, ixesha lam likufuphi; ndiya kuyenzela kuwe ipasika nabafundi bam.
 
19 Abafundi benza ke ngoko uYesu abebayaleze ngako, bayilungisa ipasika.
 
20 Kwakuhlwa ke, wahlala ngasesithebeni nabalishumi elinababini.
 
21 Xa badlayo, wathi, Inene ndithi kuni, Omnye kuni aba uya kundingcatsha.
 
22 Baza, bebuhlungu kakhulu, baqala ukuthi kuye bonke ngabanye, Ingaba ndim yini na, Nkosi?
 
23 Waphendula ke yena wathi, Osithe nkxu nam isandla esityeni, nguye lowo uya kundingcatsha.
 
24 UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhaliweyo ngaye. Kodwa ke, yeha, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu.
 
25 Waphendula ke uYuda, lowo wamngcatshayo, wathi, Ingaba ndim yini na, Rabhi? Athi yena kuye, Uselutshilo nawe.
 
26 Bakubon’ ukuba bayadla ke, uYesu wasithabatha isonka, wathi akusikelela waqhekeza, wanika abafundi, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo.
 
27 Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika, esithi, Selani kuyo nonke;
 
28 kuba ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi, ukuze kuxolelwe izono.
 
29 Ndithi ke kuni, Andisayi kusela kwesi siqhamo somdiliya, kuthabathela kweli xesha, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela nani sisitsha ebukumka nini bukaBawo.
 
30 Bakuba bevume ingoma yokudumisa, baphuma baya eNtabeni yemiNquma.
 
31 Ngelo xesha uthi uYesu kubo, Nina nonke niya kukhubeka ngam ngobu busuku; kuba kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kumbetha umalusi, zichithwachithwe izimvu zomhlambi.
 
32 Kodwa emveni kokuvuka kwam, ndiya kunandulela ndiye kwelaseGalili.
 
33 Waphendula ke uPetros wathi kuye, Nokuba bonke baya kukhubeka ngawe, andisayi kukha ndikhubeke mna.
 
34 Wathi uYesu kuye, Inene ndithi kuwe, Kwangobu busuku, ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu.
 
35 Athi uPetros kuye, Ndingafanelana ndimelwe kukuba ndife nawe, andingekhe ndikukhanyele. Batsho nabo bonke abafundi.
 
36 Ngelo xesha, ufika uYesu nabo kumhlatyana ekuthiwa yiGetsemane; athi kubafundi, Hlalani phantsi apha, ndikhe ndiye kuthandaza phaya.
 
37 Wathabatha uPetros noonyana bobabini bakaZebhedi, waqala ukuba buhlungu nokudandatheka kakhulu.
 
38 Aze athi kubo, Umphefumlo wam ubuhlungu kakhulu, ngokokude ube sekufeni; hlalani apha nilinde nam.
 
39 Waza, ehambele phambili umganyana, wawa ngobuso bakhe, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba kunokwenzeka, mayidlule kum le ndebe; noko makungabi njengokuthanda kwam, makube njengokuthanda kwakho.
 
40 Uyeza kubafundi, abafumane belele, athi kuPetros, Ninje na ukungabi nako ukulinda nam nexa elinye?
 
41 Lindani nithandaze, ukuze ningangeni ekuhendweni; umoya wona okunene unentumekelelo, ke yona inyama ithambile.
 
42 Wabuya wemka okwesibini, wathandaza, esithi, Bawo, ukuba ayinako le ndebe ukudlula kum ndingathanga ndiyisele, makwenzeke ukuthanda kwakho.
 
43 Afike abafumane bebuye balala, kuba amehlo abo ayenzima bubuthongo.
 
44 Wabashiya, wabuya wemka, wathandaza okwesithathu, ethetha kwalona elo lizwi.
 
45 Andule ukuza kubafundi bakhe, athi kubo, Lalani ngoku, niphumle; yabonani, lisondele ilixa lokuba uNyana woMntu anikelwe ezandleni zaboni.
 
46 Vukani, sihambe; yabonani, usondele lowo undinikelayo.
 
47 Kuthe, esathetha, kwathi gqi uYuda, omnye wabalishumi elinababini; weza enendimbane enkulu inamakrele neentonga, ivela kubabingeleli abakhulu namadoda amakhulu abantu.
 
48 Ke kaloku, wayethe lowo umnikelayo wabanika umqondiso, esithi, Endithe ndamanga, nguye lowo; mbambeni.
 
49 Wafika ke kwaoko kuYesu, wathi, Aa, Rabhi! Wamanga nokumanga.
 
50 Wathi ke uYesu kuye, Wethu! Ukho ngani na? Bandula ukuza, bamsa izandla uYesu, bambamba.
 
51 Wesuka omnye wabo babenoYesu, wolula isandla, warhola ikrele lakhe, wamxabela umkhonzi wombingeleli omkhulu, wamnqumla indlebe.
 
52 Aze athi uYesu kuye, Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho; kuba bonke abathabatha ikrele baya kutshabalala likrele.
 
53 Uba andinako na ngoku ukumbongoza uBawo, andikhuphele imikhosi yezithunywa zezulu engaphezu kweshumi elinamibini?
 
54 Bezingathini na ke oko ukuzaliseka izibhalo ezithi, kumele ukuba kube nje?
 
55 Ngalo elo lixa wathi uYesu kwindimbane, Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngathi niphumele isihange? Bendihleli nani imihla ngemihla, ndifundisa etempileni, anandibamba.
 
56 Oku ke konke kwenzeke, ukuze zizaliseke izibhalo zabaprofeti. Basuka bonke abafundi bamshiya, babaleka.
 
57 Abo ke bambambayo uYesu, bamrholela kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona ababhali namadoda amakhulu.
 
58 Ke kaloku uPetros wayemlandela, ebekele kude, kwada kwaya entendelezweni yendlu yombingeleli omkhulu. Engene ngaphakathi, wahlala phantsi namadindala, ukuba abone isiphelo.
 
59 Ke kaloku, baye ababingeleli abakhulu, namadoda amakhulu, nentlanganiso yamatyala iphelele, befuna ubungqina obubuxoki ngoYesu, ukuze bambulale; ababufumananga;
 
60 nangona afikayo amangqina abuxoki aba maninzi, ababufumananga. Ada ke afika amangqina abuxoki emabini,
 
61 athi, Lo wathi, Ndinako ukuyichitha itempile kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.
 
62 Wesuka wema umbingeleli omkhulu, wathi kuye, Akuphenduli nto na? Bangqina ntoni na aba ngawe?
 
63 Wahlala yena uYesu wathi tu. Waphendula umbingeleli omkhulu wathi kuye, Ndikufungisa uThixo ophilileyo, ukuba usixelele ukuba unguye na uKristu, unyana kaThixo.
 
64 Athi uYesu kuye, Uselutshilo nawe. Ke ndithi kuni, Emveni koku niya kumbona uNyana woMntu, ehleli ngasekunene kwamandla, esiza esemafini ezulu.
 
65 Waza umbingeleli omkhulu wazikrazula iingubo zakhe, esithi, Unyelisile; sisawafunelani na amangqina? Yabonani, ngoku nikuvile ukunyelisa kwakhe; nithini na nina?
 
66 Baphendula ke bona bathi, Unetyala lokuba afe.
 
67 Baza bamtshicela ebusweni, bamntlitha, abanye bammonxoza,
 
68 besithi, Siprofetele, wena Kristu; ubethwe ngubani na?
 
69 Ke kaloku uPetros wayehleli ngaphandle entendelezweni; kweza kuye sicakazana sithile, sisithi, Nawe ubunaye uYesu lo waseGalili.
 
70 Wakhanyela ke yena phambi kwabo bonke, esithi, Andiyazi into oyithethayo.
 
71 Kuthe ke, ephume waya esangweni, sambona esinye; sithi kwababekhona, Naye lo ebenaye uYesu waseNazarete.
 
72 Waphinda wakhanyela efunga, esithi, Andimazi loo mntu.
 
73 Kwathi ke kwakuba mzuzwana, beza abo babemi khona, bathi kuPetros, Inyaniso, nawe ungowabo; kuba nokuthetha kwakho kuyakudiza.
 
74 Waza waqala ukushwabula nokufunga, esithi, Andimazi loo mntu. Yasuka yalila kwaoko inkuku.
 
75 Walikhumbula uPetros ilizwi likaYesu, abelithethile kuye, esithi, Ingekalili inkuku, uya kundikhanyela kathathu. Ephume phandle, walila ngokukrakra.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | [ Next ]