Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
ULuka Chapter14
 
1 Kwathi, akuba engene ngesabatha endlwini yomnye wakubaphathi babaFarisi, ukuba adle isonka, bahlala bemlalele bona.
 
2 Kwabonakala kukho phambi kwakhe mntu uthile unegalimoya.
 
3 Waphendula uYesu wathetha kubo abaqondisi-mthetho nabaFarisi, esithi, Kuvumelekile na ukuphilisa ngesabatha? Bathi quthu ke bona.
 
4 Wamthabatha, wamphilisa, wamndulula.
 
5 Wabaphendula wathi, Lelikabani na kuni apha iesile, nokuba yinkomo, eya kweyela equleni, aze angayirholi kwaoko ngomhla wesabatha?
 
6 Bakhohlwa ukumphendula kwezo zinto.
 
7 Ke kaloku wathetha umzekeliso kwababemenyiwe, akugqala ukunyula kwabo izilili zobukhulu; wathi kubo,
 
8 Xa uthe wamenyelwa emsithweni ngubani, musa ukungqengqa esililini sobukhulu; hleze obekekileyo kunawe abe ubemenyiwe nguye,
 
9 eze lowo ubenimemile, athi kuwe, Khwelela lo mntu; uze uqale ukuthabatha indawo esekugqibeleni udanile.
 
10 Yithi xa uthe wamenywa, uye uhlale endaweni esekugqibeleni, ukuze, xa athe weza lowo ukumemileyo, athi kuwe, Sihlobo, nyukela ngasentla., wandule ke ukuba nozuko emehlweni abo bahleli ndawonye nawe.
 
11 Ngokuba wonke umntu oziphakamisayo, uya kuthotywa; nozithobayo uya kuphakanyiswa.
 
12 Wayesithi ke nakulowo ummemileyo, Xa sukuba usenza isidlo sasemini, nokuba sesangokuhlwa, musa ukubiza izihlobo zakho, nabazalwana bakho, nemizalwane yakho, nabamelwane abazizityebi; hleze nabo babuye bakumeme, ize oko kube yimbuyekezo kuwe.
 
13 Yithi xa sukuba usenza isidlo, umeme amahlwempu, izilima, iziqhwala, iimfama;
 
14 woba nentsikelelo; ngokuba abanako ukubuyekeza kuwe; kuba uya kubuyekezwa wena eluvukweni lwamalungisa.
 
15 Ke kaloku, akuziva ezo zinto omnye kwabo babehleli naye, wathi kuye, Unoyolo oya kudla isonka ebukumkanini bukaThixo.
 
16 Uthe ke yena kuye, Umntu othile wenza isidlo esikhulu, wamema abaninzi.
 
17 Wasusa umkhonzi wakhe ngelixa lesidlo, ukuba aye kuthi kwabamenyiweyo, Yizani; ngokuba konke sekulungisiwe.
 
18 Baqala bonke ngakunye ukuzilanduleka; owokuqala wathi kuye, Ndithenge intsimi, kufuneka ukuba ndiphume ndiye kuyibona; ndiyakucela, mandibe ngowabalandulelwayo.
 
19 Wathi omnye, Ndithenge iinkomo zeedyokhwe ezintlanu, ndiya kuziva; ndiyakucela mandibe ngowabalandulelwayo.
 
20 Wathi omnye, Ndizeke umfazi, ngenxa yoko andinakuza.
 
21 Efikile loo mkhonzi, wayibikela ke inkosi yakhe ezo ndawo. Wandula waqumba umninindlu, wathi kumkhonzi wakhe, Phuma kamsinya, uye ezitratweni nakwizitratwana zomzi, uqukele apha amahlwempu nezilima neziqhwala neemfama.
 
22 Wathi umkhonzi, Nkosi, kwenzeke njengoko ubuyalele, ukanti kusekho indawo.
 
23 Yathi inkosi kumkhonzi lowo, Phuma uye ezindleleni, nasezintangweni, ubanyanzele bangene, ukuze indlu yam izale.
 
24 Kuba ndithi kuni, akukho nanye kuloo madoda abemenyiwe, eya kusiva isidlo sam.
 
25 Ke kaloku kwaye kuhamba naye izihlwele ezikhulu; wajika, wathi kuzo,
 
26 Ukuba ubani uza kum, angamthiyi uyise, nonina, nomfazi, nabantwana, nabazalwana, nodade, ewe, nobakhe ubomi, akanakuba ngumfundi wam.
 
27 Nosukuba engawuthwali umnqamlezo wakhe, andilandele, akanakuba ngumfundi wam.
 
28 Kuba nguwuphi na kuni othi, ethanda ukwakha inqaba, angakhe ahlale phantsi kuqala, abale indleko, ukuba unazo na izinto zokuyigqiba?
 
29 Hleze, akubon’ ukuba usibekile isiseko, angabi nakugqiba, bathi bonke ababonelayo baqale ukuhlekisa ngaye,
 
30 besithi, Lo mntu waqala ukwakha, wakhohlwa ukugqiba.
 
31 Kananjalo nguwuphi na ukumkani othi, esiya kuhlangana nomnye ukumkani emfazweni, angakhe ahlale phantsi kuqala, acinge ukuba unako na, enashumi-nye lamawaka, ukuhlangabeza omzelayo enamashumi amabini amawaka?
 
32 Ukuba ke akanako, uthi esekude, athume isigidimi, acele iindawo zoxolo.
 
33 Ngokukwanjalo ngoko, wonke umntu kuni ongazishiyiyo zonke iimpahla zakhe, akanakuba ngumfundi wam.
 
34 Ilungile ityuwa; ke ukuba ityuwa ithe ayaba nasongo, yothiwani na ukuvakaliswa?
 
35 Ayiwulungele nomhlaba, ayiwulungele nomgquba; ilahlelwa phandle. Lowo uneendlebe zokuva makeve.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | [ Next ]