Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
ILevitikus Chapter20
 
1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
2 Yithi koonyana bakaSirayeli:Umntu ngomntu, koonyana bakaSirayeli, nakubaphambukeli abaphambukele kwaSirayeli, othe wayinika uMoleki imbewu yakhe, wobulawa afe; abantu belizwe eli ize bamxulube ngamatye.
 
3 Ke mna ndiya kumchasa loo mntu, ndimnqamle, angabikho phakathi kwabantu bakowabo; ngokuba uyinike uMoleki imbewu yakhe, ukuze ayenze inqambi ingcwele yam, alihlambele igama lam elingcwele.
 
4 Ukuba abantu belizwe elo bathe bawafihla ukuwafihla oku amehlo abo kuloo mntu, ekuyinikeni kwakhe uMoleki imbewu yakhe, abambulala:
 
5 mna ndomchasa loo mntu nemizalwane yakhe, ndimnqamle, nabo bonke abahenyuza ngokumlandela, behenyuzela ukumlandela uMoleki, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.
 
6 Loo mphefumlo uthe wabheka kwabanemishologu, nakoosiyazi, uhenyuza ngokubalandela; ndowuchasa loo mphefumlo, ndiwunqamla, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
 
7 Ize nizingcwalise nibe ngcwele, ngokuba ndinguYehova, uThixo wenu.
 
8 Ize niyigcine imimiselo yam niyenze:ndinguYehova oningcwalisayo.
 
9 Umntu ngomntu, xa athe watshabhisa uyise nonina, wobulawa afe; utshabhise uyise nonina; amagazi akhe makabe phezu kwakhe.
 
10 Indoda esukuba ikrexeza umkamntu, ikrexeze umfazi wommelwane wakhe, wobulawa afe umkrexezi lowo, kwanomkrexezikazi.
 
11 Indoda esukuba imlala umkayise, ityhile ubuze bukayise; mababulawe bafe bobabini, amagazi abo makabe phezu kwabo.
 
12 Indoda esukuba imlala umolokazana wayo, mababulawe bafe bobabini; bazingcolisile; amagazi abo makabe phezu kwabo.
 
13 Indoda esukuba iyilala indoda njengokuba kulalwa umfazi, abo benze amasikizi:mababulawa bafe bobabini; amagazi abo makabe phezu kwabo.
 
14 Indoda esukuba izeka inkazana nonina, ngamanyala lawo; mabatshiswe ngomlilo, kwayona nabo, kungabikho manyala phakathi kwenu.
 
15 Indoda esukuba ilala into ezitho zine, mayibulawe ife; naloo nto izitho zine niyibulale.
 
16 Inkazana esukuba isondela entweni ezitho zine, nokuba yiyiphi na, ukuba izekwe yiyo, mayibulawe inkazana leyo; naloo nto izitho zine mayibulawe ife; amagazi azo makabe phezu kwazo.
 
17 Indoda esukuba izeka udade wayo, intombi kayise, nokuba yintombi kanina, yabubona ubuze bakhe, wabubona yena ubuze bayo, benze ubugqwirha; bonqanyulwa emehlweni oonyana babantu bakowabo; ityhile ubuze bodade wayo; yobuthwala ubugwenxa bayo.
 
18 Indoda esukuba imlala umfazi enomzi yabutyhila ubuze bakhe, yalenza laba ze ithende lakhe, naye walityhila ithende lamagazi akhe:bonqanyulwa bobabini, bangabikho phakathi kwabantu bakowabo.
 
19 Ubuze bonyokokazi nobodada boyihlo uza ungabutyhili, ngokuba uyenza ibe ze inyama yakhe; bobuthwala ubugwenxa babo.
 
20 Indoda esukuba imlala umkayisekazi, yabutyhila ubuze boyisekazi:bosithwala isono sabo, bafe bengenamntwana.
 
21 Indoda esukuba izeka umfazi womntakayise, yinto engcolileyo leyo:ityhila ubuze bomntakayise; abayi kuba namntwana.
 
22 Ize niyigcina imimiselo yam yonke, namasiko am onke, niwenze, ukuze linganihlanzi ilizwe elo ndinisa kulo ukuba nihlale kulo.
 
23 Ize ningahambi emimiselweni yohlanga olo ndilugxothayo ebusweni benu; ngokuba bazenzile zonke ezo nto, ndakruquka ngabo.
 
24 Ndathi ke kuni, Nina niya kulidla ilifa ilizwe labo; ndininikila mna ukuba libe lilifa kuni, ilizwe elibaleka amasi nobusi. NdinguYehova, uThixo wenu, onahluleyo kwezinya izizwe.
 
25 Ize niyahlule into ezitho zine ehlambulukileyo kweyinqambi, nentaka eyinqambi kwehlambulukileyo, ningayenzi imiphefumlo yenu ibe nezothe ngento ezitho zine, nangentaka, nangento yonka enambuzelayo emhlabeni, endinahluleyo nayo kuba iyinqambi.
 
26 Ize nibe ngcwele kum, ngokuba ndiyiNgcwele, mna Yehova; ndanahlula kwezinye izizwe, ukuba nibe ngabam.
 
27 Indoda nenkazana xa bathe baneshologu, baba ngoosiyazi, mababulawe bafe. Boxulutywa ngamatye, amagazi abo abe phezu kwabo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | [ Next ]