Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
ILevitikus Chapter17
 
1 Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
 
2 Thetha kuAron nakoonyana bakhe, nokoonyana bonke bakaSirayeli, uthi kubo, Lilo eli ilizwi uYehova awise umthetho ngalo, lokuthi:
 
3 Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli osukuba exhela inkomo, nemvu, nebhokhwe, eminqubeni, nosukuba eyixhelela ngaphandle kweminquba,
 
4 angayizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba isondezwe ibe ngumsondezo kuYehova phambi komnquba kaYehova:igazi lobalelwa kuloo mntu; aphalaze igazi; wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo;
 
5 ukuze oonyana bakaSirayeli bayizise imibingelelo yabo abayibingelelayo ezindle, bayizise kuYehova emnyango wentente yokuhlangana kumbingeleli, bayibingelele ibe yimibingelelo yoxolo kuYehova.
 
6 Umbigeleli wolitshiza igazi layo esibingelelweni sikaYehova, emnyango wentente yokuhlangana, aqhumisele ngenqatha, libe livumba elithozamisayo kuYehova.
 
7 Mabangabi sayibingelela imibingelelo yabo kwizithixo ezimaxhonti, abahenyuza ngokuzilandela. Lowo woba ngummiselo ongunaphakade kubo ezizukulwaneni zabo.
 
8 Wothi kubo, Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba enyusa idini elinyukayo, nokuba ngumbingelelo,
 
9 angalizisi emnyango wentente yokuhlangana, ukuba alinikele kuYehova:wonqanyulwa loo mntu, angabikho phakathi kwabantu bakowabo.
 
10 Umntu ngomntu wendlu kaSirayeli, nowakubaphambukeli abaphambukele phakathi kwenu, osukuba esidla yonke into eligazi:ndowuchasa umphefumlo odle igazi, ndiwunqamle, ungabikho phakathi kwabantu bakowawo.
 
11 Kuba umphefumlo wenyama usegazini wona. Mna ndaninika lona esibingelelweni, ukuba kucanyagushelwe imiphefumlo yenu; kuba igazi eli licamagusha ngomphefumlo.
 
12 Ngenxa yoko ndithe koonyana bakaSirayeli, Makungabikho namnye umphefumlo kuni odla igazi; nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu makangalidli igazi.
 
13 Umntu ngomntu koonyana bakaSirayeli, nomphambukeli ophambukele phakathi kwenu, osukuba ezingela inyamakazi, nokuba yintaka edliwayo, woliphalaza igazi layo, aliselele ngomhlaba.
 
14 Kuba umphefumlo wenyama yonke, igazi layo eli ngumphefumlo wayo. Ndathi ke koonyana bakaSirayeli, Ize ningadli gazi lanyama nokuba yiyiphi; ngokuba umphefumlo wenyama yonke ligazilayo. Bonke abalidlayo bonqanyulwa.
 
15 Wonke ubani osukuba esidla into ezifeleyo, neqwengiweyo, engozalelwe ekhaya nomphambukeli, wozihlamba iingubo zakhe, ahlambe emanzini, abe yinqambi, ahlwise; wohlambuluka ke.
 
16 Ukuba akathanga azihlambe, akawuhlamba umzimba wakhe, wobuthwala ubugwenxa bakhe.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | [ Next ]