|
AbaGwebi Chapter10 1 Emva koAbhimeleki kwavela uTola, unyana kaPuwa, unyana kaDodo, umIsakare, ohleli eShamire ezintabeni zakwaEfrayim; wawasindisa amaSirayeli. 2 Wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamithathu; wafa, wangcwatyelwa eShamire. 3 Emva kwakhe kwavela uYahire umGiliyadi, wawalawula amaSirayeli iminyaka emashumi mabini anamibini. 4 Wayenoonyana abamashumi mathathu, abakhwela emaesileni amatsha amashumi mathathu, benemizi emashumi mathathu, ekuthiwa yiHavoti-yahire yona unanamhla, esezweni laseGiliyadi. 5 Wafa uYahire, wangcwatyelwa eKamon. 6 Baphinda oonyana bakaSirayeli benza ububi emehlweni kaYehova bakhonza ooBhahali, nooAshtaroti, noothixo bakwa-Aram, noothixo baseTsidon, noothixo bakwaMowabhi, noothixo boonyana baka-Amon, noothixo bamaFilisti. Bamlahla uYehova, abamkhonza. 7 Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wathengisa ngawo, wawanikela esandleni samaFilisti, nasesandleni soonyana baka-Amon. 8 Babaguba babacola oonyana bakaSirayeli kwangaloo mnyaka; babacola iminyaka elishumi elinesibhozo bonke oonyana bakaSirayeli, ababephesheya kweYordan ezweni lama-Amori eliseGiliyadi. 9 Oonyana baka-Amon bayiwela iYordan, ukuze balwe namaYuda, namaBhenjamin, nendlu yakwaEfrayim; amaSirayeli abandezeleka kunene. 10 Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova, bathi, Sikonile, ngokuba simlahlile uThixo wethu, sakhonza ooBhahali. 11 Wathi uYehova koonyana bakaSirayeli, Ndibe ndinganisindisanga na kumaYiputa, nakuma-Amori, nakoonyana baka-Amon, nakumaFilisti, 12 nakumaTsidon, nakuma-Amaleki, nakumaMahon, abenixina; nakhala kum, ndanisindisa esandleni sawo? 13 Nindilahlile nina, nakhonza thixo bambi; ngako oko andiyi kuphinda ndinisindise. 14 Hambani niye kukhala koothixo enibanyulileyo; mabanisindise bona ngexesha lokubandezelwa kwenu. 15 Bathi oonyana bakaSirayeli kuYehova, Sonile; yenza wena kuthi ngokubona kwakho; kodwa khawusihlangule okwanamhla. 16 Babasusa oothixo bolunye uhlanga phakathi kwabo, bakhonza uYehova. Wakhathazeka umphefumlo wakhe ngokwaphuka kwamaSirayeli. 17 Babizeleka ndawonye oonyana baka-Amon, bamisa eGiliyadi. Bahlanganisana oonyana bakaSirayeli, bamisa eMizpa. 18 Bathi abantu, abathetheli baseGiliyadi, omnye komnye, Ngubani na indoda eya kuqala ukulwa noonyana baka-Amon? Yoba yintloko yabemi bonke baseGiliyadi.
|
|