Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYoshuwa Chapter5
 
1 Kwathi, xenikweni bevayo bonke ookumkani bama-Amori, ababephesheya kweYordan ngasentshonalanga, nookumkani bonke bamaKanan, ababengaselwandle, ukuba uYehova wenze ukuba atshe amanzi eYordan phambi koonyana bakaSirayeli, bada bawela; zasuka zanyibilika iintliziyo zabo, akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kubo phambi koonyana bakaSirayeli.
 
2 Ngelo xesha uYehova wathi kuYoshuwa, Zenzele iintshengece, uphinde okwesibini ukubalusa oonyana bakaSirayeli.
 
3 Wazenzela ke uYoshuwa iintshengece, wabalusa oonyana bakaSirayeli endulini yenyama yokwaluswa.
 
4 Nasi isizathu sokuba uYoshuwa abaluse:bonke abantu ababephume eYiputa bengamadoda, onke amadoda okulwa, afela entlango endleleni, ekuphumeni kwawo eYiputa.
 
5 Kuba baye balukile bonke abantu abo baphumayo; ke bonke abantu ababezalelwe entlango endleleni, ekuphumeni kwabo eYiputa, babengalukanga.
 
6 Kuba oonyana bakaSirayeli bahamba iminyaka emashumi mane entlango, lwada lwaphela lonke uhlanga olungamadoda okulwa awaphumayo eYiputa, angaliphulaphulanga izwi likaYehova; awawafungelayo uYehova ukuba akayi kuwabonisa elo zwe, walifungela ooyise ukuba uya kusinika, ilizwe elibaleka amasi nobusi.
 
7 Ke oonyana babo, awabavelisayo esikhundleni sabo, wabalusa bona uYoshuwa; kuba babengalukile, ngokuba babengabalusanga endleleni.
 
8 Kwathi bakuba belugqibile ukulwalusa lonke uhlanga, bahlala endaweni yabo eminqubeni bada baphola.
 
9 Wathi uYehova kuYoshuwa, Namhla ingcikivo yeYiputa ndiyiqengqile, yesuka kuni; kwathiwa igama laloo ndawo yiGiligali unanamhla.
 
10 Bamisa iintente oonyana bakaSirayeli eGiligali, benza ipasika ngosuku lweshumi elinesine lwenyanga, ngokuhlwa, ezinkqantosini zaseYeriko.
 
11 Badla iziveliso zelo zwe ngengomso lepasika, izonka ezingenagwele namakhweba, ngenkqu yayo loo mini.
 
12 Yaphela imana ngengomso, emva kokudla kwabo iziveliso zelo zwe; ababa saba namana oonyana bakaSirayeli; badla ungeniselo lwelo zwe lakwaKanan ngaloo mnyaka.
 
13 Kwathi, xa ebeseYeriko, uYoshuwa wawaphakamisa amehlo akhe, wakhangela, wabona kumi indoda malunga naye, ithe rhuthu ikrele layo ngesandla. Waya uYoshuwa kuyo, wathi kuyo, Ungakuthi, ungakwiintshaba zethu, kusini na?
 
14 Yathi, Hayi, ndingumthetheli womkhosi kaYehova; ndifikile ngoku. Wawa uYoshuwa ngobuso bakhe emhlabeni, waqubuda, wathi kuyo, Ithetha ntoni na ke inkosi yam kumkhonzi wayo?
 
15 Wathi umthetheli womkhosi kaYehova kuYoshuwa, Khulula iimbadada zakho ezinyaweni zakho; kuba loo ndawo umi kuyo ingcwele. Wenjenjalo uYoshuwa.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | [ Next ]