Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYohane Chapter7
 
1 Emveni kwezi zinto, wayehamba uYesu kwelaseGalili; kuba ebengathandi ukuhamba kwelakwaYuda; ngokuba amaYuda ebefuna ukumbulala.
 
2 Ke kaloku, wawukufuphi umthendeleko wamaYuda weminquba.
 
3 Bathi ngoko kuye abazalwana bakhe, Gqitha apha, uye kwelakwaYuda, ukuze nabafundi bakho bayibone imisebenzi yakho oyenzayo.
 
4 Kuba akukho namnye wenza into emfihlekweni, abe yena ngokwakhe efuna ukuba sekuhleni. Ukuba uyazenza ezi zinto, zibonakalise ngokwakho kwihlabathi.
 
5 Kuba nabazalwana bakhe bebengakholwa kuye.
 
6 Wathi ngoko uYesu kubo, Ixesha lam alikabikho, ke elenu ixesha lihlala lilungile.
 
7 Ihlabathi alinakunithiya nina; mna ke liyandithiya, ngokuba mna ndingqina ngalo, ukuba imisebenzi yalo ayindawo.
 
8 Nyukani nina, niye kulo mthendeleko; mna andikanyuki, ndiye kulo mthendeleko; ngokuba ixesha lam alikazaliseki.
 
9 Akuba ke ezithethile ezi zinto kubo, wahlala kwelaseGalili.
 
10 Ke, bakuba benyukile abazalwana bakhe, wenyuka naye, waya emthendelekweni, kungekhona ekuhleni, kubusithela.
 
11 Ayemfuna ngoko amaYuda emthendelekweni, esithi, Uphi na yena?
 
12 Kwaye kukho ukukrokra okukhulu ngaye ebantwini; inxenye ibisithi, Ulungile; abanye ke besithi, Hayi, yena ulahlekisa uluntu olu.
 
13 Noko ke bekungekho namnye ubethetha ngaye ngokusekuhleni, ngenxa yokoyika amaYuda.
 
14 Ke kaloku, kwakubon’ ukuba sekuphakathi komthendeleko, wenyuka uYesu waya etempileni, wafundisa.
 
15 Ayemangaliswa amaYuda, esithi, Lo uyazi ngani na imfundo, engafundanga nje?
 
16 Waphendula uYesu, wathi, Eyam imfundiso asiyam, yeyalowo wandithumayo.
 
17 Ukuba kukho othi afune ukukwenza ukuthanda kwakhe, woyazi imfundiso le:ukuba iphuma kuThixo, nokuba mna ndithetha okukokwam, kusini na.
 
18 Lowo uthetha okwakhe, ufuna olulolwakhe uzuko; ke lowo ufuna uzuko lowamthumayo, uyinene yena, akukho kungalungisi kuye.
 
19 Umthetho aniwunikelwanga na nguMoses? Kanti ke akukho namnye kuni uwugcinayo umthetho; yini na ukuba nifune ukundibulala?
 
20 Saphendula isihlwele sathi, Unedemon; ngubani na ofuna ukukubulala?
 
21 Wapendula uYesu wathi kubo. Ndenze umsebenzi wamnye, namangaliswa ke nonke.
 
22 UMoses uninike ulwaluko ngenxa yoku, kungengenxa yokuba luphume kuMoses, kungenxa yokuba luphume kooyihlo. Niyamalusa ke umntu nangesabatha.
 
23 Ukuba umntu uyaluswa ngesabatha, ukuze ungaphulwa umthetho kaMoses, nindijalele na ngokuba ndiphilise umntu, waphila kwaphela, ngesabatha?
 
24 Musani ukugweba ngokwembonakalo; gwebani ngomgwebo olungisayo.
 
25 Babesithi ngoko abathile kwabaseYerusalem, Asinguye na lo bafuna ukumbulala?
 
26 Niyabona, uthetha ngokuphandle, abathethi nto kuye; bangaba kanti na ke bayazi okwenyaniso abaphathi, ukuba lo nguye uKristu okwenyaniso?
 
27 Thina siyamazi lo apho avela khona; xa sukuba ke uKristu esiza, akukho namnye uya kumazi apho avela khona.
 
28 Wadanduluka ke ngoko uYesu, efundisa etempileni, wathi, Nina niyandazi, nikwazi nalapho ndivela khona; andizanga ngokwam; uyinyaniso owandithumayo, eningamaziyo nina.
 
29 Mna ke ndiyamazi; ngokuba ndivela kuye, waye yena endithumile.
 
30 Babefuna ngoko ukumbamba; kodwa akubangakho namnye umsa isandla, ngokuba ilixa lakhe belingekafiki.
 
31 Ke kaloku, into eninzi esihlweleni yakholwa kuye; yayisithi, UKristu, xa athe wafika, angaba uya kwenza imiqondiso emininzi na kunale ayenzileyo lo?
 
32 AbaFarisi beva abantu bezikrokrela ezi zinto ngaye; baza abaFarisi nababingeleli abakhulu bathuma amadindala, ukuba ambambe.
 
33 Wathi ngoko uYesu kuwo, Liselixesha elifutshane endinani, ndize ndiye kowandithumayo.
 
34 Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina.
 
35 Athi ngoko amaYuda phakathi kwawo, Uza kuya phi na lo, le nto singayi kumfumana thina? Angaba uza kuya kwiintsali ezikumaGrike, afundise amaGrike, yini na?
 
36 Liyintoni na eli lizwi alithethileyo, lithi, Niya kundifuna, ningandifumani; nithi apho ndikhona mna, ningabi nakufika nina?
 
37 Ke kaloku, ngomhla wokugqibela, ongowona mkhulu womthendeleko, wema uYesu, wadanduluka esithi, Ukuba kukho othi anxanwe, makeze kum asele.
 
38 Lowo ukholwayo kum, njengoko satshoyo isibhalo, kuya kumpompoza imilambo yamanzi aphilileyo, iphuma embilinini wakhe.
 
39 Oku wakutsho ke ngaye uMoya, ababeza kumamkeliswa abo bakholwayo kuye; kuba ebengekamkelwa uMoya oyiNgcwele; ngokuba uYesu ebengekazukiswa.
 
40 Yaye ngoko into eninzi esihlweleni, yakuliva ilizwi elo, isithi, Lo nguye umprofeti, inyaniso. Babesithi abanye, Lo nguye uKristu.
 
41 Babesithi abanye, uKristu angavela kwelaseGalili yini na?
 
42 Asitshongo na isibhalo ukuthi, uKristu uphuma embewini kaDavide, naseBhetelehem, umzana abekuwo uDavide?
 
43 Ke ngoko sathi qheke kubini isihlwele ngenxa yakhe.
 
44 Inxenye ke kubo yayithanda ukumbamba, kodwa akubangakho namnye umsa izandla.
 
45 Afika ngoko amadindala kubabingeleli abakhulu nakubaFarisi; baza bona bathi kuwo, Kungani na ukuba ningezi naye?
 
46 Aphendula amadindala athi, Akuzanga kuthethe mntu njengoko athetha ngako lo mntu.
 
47 Bawaphendula ngoko abaFarisi, bathi, Ningaba nilahlekisiwe nani na?
 
48 Kubaphathi nakubaFarisi kungaba kukho mntu ukholiweyo kuye yini na?
 
49 Olu luntu lungawaziyo umthetho luqalekisiwe.
 
50 Uthe uNikodemo kubo (lowo wezayo kuye ebusuku, engomnye kwabo),
 
51 Umthetho wethu uyamgweba yini na umntu, ukuba awuthanga uve kuye kuqala, uqonde into ayenzayo?
 
52 Baphendula bathi kuye, Ungaba ungowelaseGalili nawe na? Phengulula ubone, ukuba akuveli mprofeti kwelaseGalili.
 
53 Walowo ke waya kweyakhe indlu.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | [ Next ]