Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYohane Chapter6
 
1 Emveni kwezi zinto, wemka uYesu, waya phesheya kolwandle lwaseGalili, lwaseTibheriya.
 
2 Wayelandelwa ke sisihlwele esikhulu, ngokuba babebona imiqondiso yakhe, abeyenza kwababesifa.
 
3 Ke kaloku, wenyuka uYesu waya entabeni, wahlala phantsi khona nabafundi bakhe.
 
4 Yaye ke ikufuphi ipasika, umthendeleko wamaYuda.
 
5 Ewaphakamisile ngoko uYesu amehlo akhe, ebone isihlwele esikhulu sisiza kuye, wathi kuFilipu, Sozithenga phi na izonka, ukuze badle aba?
 
6 Ubesitsho ke emlinga; kuba ubeyazi yena into abeza kuyenza.
 
7 UFilipu wamphendula wathi, Izonka zeedenariyo ezimakhulu mabini azibanele, ukuze elowo athabathe intwana.
 
8 Athi kuye omnye kubafundi bakhe, uAndreya, umzalwana kaSimon Petros,
 
9 Kukho nkwenkwana apha, inezonka ezihlanu zerhasi neentlanzi ezimbini; kodwa ke ziyintoni na ezo kwabangakanana?
 
10 Uthe ke uYesu, Bahlaliseni phantsi abantu. Kwaye ke kukho utyani obuninzi kuloo ndawo. Ahlala phantsi ngoko amadoda, engathi amawaka mahlanu inani.
 
11 Wazithabatha ke izonka uYesu, wathi akubulela wababela abafundi, bathi ke abafundi babela abo babehleli phantsi, kwaba kwanjalo nakwiintlanzi, ngangokuthanda kwabo.
 
12 Bakuhlutha ke, uthi kubafundi bakhe, Buthani amaqhekeza aseleyo, ukuze kungonakali nto.
 
13 Babutha ngoko, bazalisa izitya zalishumi elinazibini ngamaqhekeza abesele kubo ababedlile, ezonkeni ezihlanu zerhasi.
 
14 Ngoko abantu aba, bakuwubona umqondiso awawenzayo uYesu, bathi, Lo nguye inyaniso umprofeti lowo uzayo ehlabathini.
 
15 Uthe ngoko uYesu, esazi ukuba bahlalele ukuza kumbamba ngamandla, bamenze ukumkani, wabuya wemka, waya entabeni Yena yedwa.
 
16 Ke kaloku, kuthe kwakuhlwa, behla abafundi bakhe, baya elwandle.
 
17 Bengenile ke emkhombeni, baluwela ulwandle, besiya eKapernahum; kwakusekumnyama, waye uYesu engafikanga kubo.
 
18 Lwaye nolwandle lusilwa, kananjalo kuvuthuza umoya omkhulu.
 
19 Bakuba ngoko begweqile izitadiya ezingathi zimashumi mabini anazihlanu, nokuba mathathu, bambona uYesu ehamba phezu kolwandle, esiza kubo kufuphi nomkhombe; basuka boyika.
 
20 Athi ke yena kubo, Ndim; musani ukoyika.
 
21 Babethanda ngoko ukumamkelela emkhombeni; waza kwaoko umkhombe waba semhlabeni lowo babesiya kuwo.
 
22 Ngengomso indimbane leyo, ibimi phesheya kolwandle, yakuba ibonile ukuba akukho mkhonjana wumbi khona, ngulowo mnye wodwa babengene kuwo abafundi bakhe; nokuba uYesu akangenanga nabafundi bakhe emkhonjaneni lowo, bemke bodwa abafundi bakhe;
 
23 nokuba kuze eminye imikhonjana ivela eTibheriya, kufuphi nendawo apho babedle isonka khona, yakuba ibulele iNkosi:
 
24 xeshikweni ke indimbane yabonayo ukuba uYesu akakho apho nabafundi bakhe, besuka bangena nabo emikhombeni, beza eKapernahum, bemfuna uYesu.
 
25 Bathe bakumfumana phesheya kolwandle, bathi kuye, Rabhi, ufike nini na apha?
 
26 Wabaphendula uYesu wathi, Inene, inene, ndithi kuni, Anindifuni ngakuba nabona imiqondiso; nindifuna ngokuba nadla kwezaa zonka, nahlutha.
 
27 Musani ukusebenzela ukudla okutshabalalayo; sebenzelani ukudla okuhlala kuse ebomini obungunaphakade, aya kunipha kona uNyana woMntu; kuba uYise uThixo utywine waqinisela yena lowo.
 
28 Bathe ngoko kuye, Masenze ntoni na, ukuze sisebenze imisebenzi kaThixo?
 
29 Waphendula uYesu, wathi kubo, Umsebenzi kaThixo nguwo lo, ukuba nikholwe kuye othunyiweyo nguye.
 
30 Bathi ngoko kuye, Wenza mqondiso mni na wena, ukuze sibone, sikholwe nguwe? Usebenza ntoni na?
 
31 Oobawo bethu bona badla imana entlango, njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Wabanika isonka siphuma ezulwini, ukuba badle sona.
 
32 Uthe ngoko uYesu kubo, Inene, inene, ndithi kuni, AsinguMoses oninike isonka esiphuma ezulwini; nguBawo oninika isonka esiphuma ezulwini, esiyinyaniso.
 
33 Kuba isonka sikaThixo sesi sehlayo ezulwini, silinike ubomi ihlabathi.
 
34 Bathi ke ngoko kuye, Nkosi, sinike eso sonka ngamaxa onke.
 
35 Wathi ke uYesu kubo, Isonka sobomi esi ndim; lowo uzayo kum, akasayi kulamba; lowo ukholwayo kum, akasayi kunxanwa naphakade.
 
36 Senditshilo kuni ukuthi, Nindibonile nokundibona, anikholwa noko.
 
37 Konke andinikayo uBawo, kuya kuza kum; nozayo kum, andisayi kukha ndimlahlele phandle;
 
38 ngokuba ndihle emazulwini, ndingaze kwenza ukuthanda kwam; ndize kwenza ukuthanda kwalowo wandithumayo.
 
39 Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, kukaBawo:ukuba konke awandinikayo, ndingalahli nento kuko, ndikuvuse ngomhla wokugqibela.
 
40 Kuko ke oku ukuthanda kowandithumayo, ukuthi babe nobomi obungunaphakade bonke abambonayo uNyana, bakholwe kuye; ndandiya kubavusa mna ngomhla wokugqibela.
 
41 Ayemkrokrela ngoko amaYuda, ngokuba wathi, Ndim isonka, esi sehlayo emazulwini.
 
42 Ayesithi ke, Lo asinguye na kanene uYesu, unyana kaYosefu, esimaziyo thina uyise nonina? Angathini na ke ngoko yena ukuthi, Ndihle emazulwini?
 
43 Waphendula ngoko UYesu wathi kubo, Musani ukukrokra ngaphakathi kwenu.
 
44 Akukho namnye unako ukuza kum, engathanga uBawo owandithumayo amtsale; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
 
45 Kubhaliwe ebaprofetini kwathiwa, Baye bonke beya kuba ngabafundiswa bakaThixo; bonke ngoko abathe beva kuBawo, bafunda kuye, bayeza kum.
 
46 Kungekuba kukho bani umbonileyo uBawo, ingenguye ovela kuThixo; nguye yedwa ombonileyo uBawo.
 
47 Inene, inene, ndithi kuni, Lowo ukholwayo kum unobomi obungunaphakade.
 
48 Ndim isonka sobomi.
 
49 Ooyihlo bayidla imana leyo entlango, bafile noko.
 
50 Isonka sona esihla emazulwini sesi, athi ubani akusidla, angafi.
 
51 Ndim isonka esiphilileyo, esi sehlayo emazulwini. Ukuba ubani uthe wasidla esi sonka, wodla ubomi ngonaphakade; ke isonka endiya kumnika sona mna, siyinyama yam, endiya kuyinikela ubomi behlabathi.
 
52 Ngoko amaYuda ayesilwa phakathi kwawo, esithi, Angathini na lo ukusinika inyama yakhe siyidle?
 
53 Wathi ngoko uYesu kuwo, Inene, inene, ndithi kuni, Ukuba anithanga niyidle inyama yoNyana woMntu, nilisele igazi lakhe, aninabo ubomi kuni.
 
54 Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, unobomi obungunaphakade; ndaye mna ndiya kumvusa ngomhla wokugqibela.
 
55 Kuba inyama yam ikukudla, inyaniso; negazi lam liluselo, inyaniso.
 
56 Lowo uyidlayo eyam inyama, alisele elam igazi, uhleli kum, nam ndihleli kuye.
 
57 Njengoko uBawo ophilileyo wandithumayo, ndibe nam ndiphilile ngenxa enoBawo, lowo undidlayo, kwayena uya kuphila ngam.
 
58 Siso eso isonka esehla emazulwini; kungenjengokuba ooyihlo bayidlayo imana, bafa noko. Lowo usidlayo esi sonka, uya kuphila ngonaphakade.
 
59 Ezi zinto wazithetha endlwini yesikhungu, efundisa eKapernahum.
 
60 Into eninzi ngoko kubafundi bakhe yakuva yathi, Lilizwi elinqabileyo eli; ngubani na onako ukuliva?
 
61 Ke kaloku, esazi uYesu ngaphakathi kwakhe, ukuba bayakrokra lilo abafundi bakhe, wathi kubo, Kuyanikhubekisa na oku?
 
62 Hi na ke, ukuba nithe nambona uNyana woMntu enyukela apho ebefudula ekhona?
 
63 Ngumoya odlisa ubomi; inyama yona ayincedi lutho. Amazwi la ndiwathethayo kuni mna angumoya, abubomi.
 
64 Kukho abathile kuni abangakholwayo. Kuba ebesazi kwasekuqalekeni uYesu, ukuba ngoobani na ababengakholwa, nokuba ngubani na oya kumnikela.
 
65 Wayesithi, Kungenxa yoku ndatshoyo kuni ukuthi, Akukho namnye unako ukuza kum, ukuba akathanga akunikwe nguBawo.
 
66 Ngenxa yoko into eninzi yabafundi bakhe yabuya umva, ayaba sahamba naye.
 
67 Wathi ngoko uYesu kwabalishumi elinababini, Nani nifuna ukumka, yini na?
 
68 Wamphendula ngoko uSimon Petros wathi, Nkosi, sosuka siye kubani na? Nguwe onamazwi obomi obungunaphakade.
 
69 Nathi sikholiwe, sazile, ukuba wena unguye uKristu, uNyana kaThixo ophilileyo.
 
70 Wabaphendula uYesu wathi, Andininyulanga na mna, nina shumi linababini? Ukanti omnye kuni ungumtyholi.
 
71 Wayethetha ke ngoYuda Sikariyoti kaSimon, kuba lowo ibinguye obeza kumngcatsha, engomnye weshumi elinababini.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | [ Next ]