Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYohane Chapter4
 
1 Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi
 
2 (nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe),
 
3 yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.
 
4 Ibimelwe ke kukuthi icande kwela maSamariya.
 
5 Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe.
 
6 Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona. Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu.
 
7 Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele.
 
8 (Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.)
 
9 Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Uthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya.
 
10 Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele:unge ucele kuye wena, wakupha amanzi aphilileyo.
 
11 Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo?
 
12 Wena umkhulu yini na kunobawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo yena, nabantwana bakhe, nemfuyo yakhe?
 
13 Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe;
 
14 ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.
 
15 Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha.
 
16 Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha.
 
17 Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ulungisile ukuthi, Andinandoda;
 
18 kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, unyanisile ukutsho.
 
19 Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena.
 
20 Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona.
 
21 Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo.
 
22 Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda.
 
23 Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula.
 
24 UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.
 
25 Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu; xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke.
 
26 Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.
 
27 Kwathi kwangoko bafika abafundi bakhe, bamangaliswa kukuba athethe nomntu oyinkazana; noko ke akubangakho namnye owathi. Ufuna ntoni na? nowathi, Yini na ukuba uthethe nayo?
 
28 Yawushiya ngoko umphanda wayo intokazi, yemka yaya ekhaya; ithi ebantwini,
 
29 Yizani, nibone umntu ondixelele izinto zonke endakha ndazenza; lo akangebi nguye uKristu yini na?
 
30 Baphuma ke ekhaya, baye besiza kuye.
 
31 Ke kaloku, kweso sithuba abafundi babemthandaza, besithi, Rabhi, yidla.
 
32 Uthe ke yena kubo, Mna ndinokudla endikudlayo, eningakwaziyo nina.
 
33 Babethetha bodwa ngoko abafundi, besithi, Ingaba kukho omziseleyo na ukudla?
 
34 Athi uYesu kubo, Okwam ukudla kukuba ndenze ukuthanda kowandithumayo, ndiwufeze umsebenzi wakhe.
 
35 Anitsho na nina ukuthi, Iinyanga zisene, kuze kufike ukuvuna? Yabonani, ndithi kuni, Waphakamiseni amehlo enu, niwakhangele amasimi; ngokuba aselemhlophe ukuba kuvunwe.
 
36 Novunayo wamkela umvuzo, abuthele iziqhamo ebomini obungunaphakade, ukuze nalowo uhlwayelayo avuye, kunye nalowo uvunayo.
 
37 Kuba likule nto ilizwi eliyinyaniso, eli lithi, Omnye uyahlwayela, nomnye avune.
 
38 Mna ndanithuma ukuvuna oko ningabulalekanga kuko nina; abanye babulalekile, naza nangena nina ekubulalekeni kwabo.
 
39 Ke kaloku, kwakholwa kuye into eninzi yamaSamariya kuloo mzi, ngenxa yelizwi lentokazi leyo, yangqinayo yathi, Undityele izinto zonke endakha ndazenza.
 
40 Akufika ngoko kuye amaSamariya, amcela ukuba ahlale nawo; wahlala khona ke imihla emibini.
 
41 Into eninzi yakholwa ngakumbi ngenxa yelizwi lakhe.
 
42 Kanjalo babesithi kwintokazi leyo, Asisakholwa ngenxa yokuthetha kwakho, kuba sizivele thina ngokwethu, sazi ukuba, inyaniso, lo unguye uMsindisi wehlabathi, uKristu.
 
43 Ke kaloku, emveni kwemihla emibini leyo, waphuma khona, wemka waya kwelaseGalili.
 
44 Kuba uYesu ngokwakhe wangqina, ukuba umprofeti akanambeko kowabo.
 
45 Xenikweni ngoko wafikayo kwelaseGalili, bamamkela abaseGalili ababezibonile zonke izinto awazenzayo eYerusalem emthendelekweni; kuba babeyile nabo emthendelekweni.
 
46 Wabuya ngoko weza uYesu eKana yelaseGalili, apho amanzi ebewenze iwayini. Kwaye kukho igosa lakomkhulu elithile, elinyana wayesifa eKapernahum.
 
47 Lithe lakuva lona ukuba uYesu uphumile kwaYuda, wafika kwelaseGalili, laya kuye, lamcela ukuba ehle amphilise unyana walo, kuba ebeza kubhubha.
 
48 Wathi ngoko uYesu kulo, Ukuba anithanga nibone imiqondiso nemimangaliso, anisayi kukha nikholwe.
 
49 Lithi kuye igosa lakomkhulu, Nkosi, yihla, engekabhubhi umntwana wam.
 
50 Athi uYesu kulo, Hamba uhambe; unyana wakho uhleli. Wakholwa umntu lowo lilizwi awalithethayo uYesu kuye, wahamba ke.
 
51 Ke kaloku, akubon’ ukuba uselesihla, izicaka zakhe zamhlangabeza, zambikela zisithi, Umntwana wakho uhleli.
 
52 Wabuza ngoko kuzo ilixa aqale ukuchacha ngalo; zathi kuye, Izolo, ngelixa lesixhenxe, yamyeka icesina.
 
53 Wazi ngoko uyise, ukuba bekukwangelo lixa abethe ngalo uYesu kuye, Unyana wakho uhleli; wakholwa, yena nendlu yakhe iphela.
 
54 Lo mqondiso ke wesibini wawenza uYesu, eselephumile kwelakwaYuda, weza kwelaseGalili.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | [ Next ]