Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UYoweli Chapter3
 
1 Ngokuba, yabonani, ngayo loo mihla, nangalo elo xesha, ndiya kukubuyisa ngalo ukuthinjwa kukaYuda neYerusalem,
 
2 ndozibutha zonke iintlanga, ndizihlisele entilini yakwaYoshafati; ndimangalelane nazo khona ngenxa yabantu bam, ilifa lam amaSirayeli, ezibathe saa ezintlangeni, zalaba ilizwe lam.
 
3 Abantu bam zibenzele amaqashiso, zavuza ihenyukazi ngenkwenkwe; zathengisa ngentombi ngewayini, zasela.
 
4 Kananjalo niya kundenza ntoni na nina, Tire, nawe, Tsidon, nani, mida yonke yamaFilisti? Niya kundibuyekeza impatho yam na? Niya kundenza ntoni na? Kwakamsinya, ngokukhawulezayo, ndiya kukubuyisela ukuphatha kwenu entlokweni yenu.
 
5 Ekubeni nithabathe isilivere yam negolide yam, izinto zamezintle ezinqwenelekayo, nazisa etempileni yenu;
 
6 nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan, ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo;
 
7 yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyisele ukuphatha kwenu entlokweni yenu.
 
8 Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba uthethile uYehova.
 
9 Memezani oku ezintlangeni, ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa.
 
10 Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zenu zemidiliya zibe zizikhali;
 
11 oswele amandla makathi, Ndiligorha. Khawulezani nize, nonke zintlanga zangeenxa zonke, nibuthelane; wahlisele khona amagorha akho, Yehova.
 
12 Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke.
 
13 Fakani irhengqa, kuba ukudla kuvuthiwe; yizani nixovule, ngokuba isixovulelo sewayini sizele, iyaphalala imikhombe yokukhongozela; kuba bukhulu ububi bazo.
 
14 Yimbuthumbuthu, yimbuthumbuthu entilini yesigqibo! Kuba isondele imini kaYehova entilini yesigqibo.
 
15 Ilanga nenyanga zenziwe mnyama, iinkwenkwezi zikufinyezile ukukhanya kwazo.
 
16 UYehova ubharhula eZiyon, ukhupha ilizwi lakhe eYerusalem, linyikime izulu nehlabathi; ke uYehova ulihlathi kubantu bakhe, uligwiba koonyana bakaSirayeli.
 
17 Niya kwazi ke ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, ohleli eZiyon, entabeni yam engcwele; iYerusalem yoba ngcwele, abasemzini bangabi sacanda phakathi kwayo.
 
18 Kuya kuthi ngaloo mini, iintaba zivuze incindi yeediliya, iinduli ziphalale amasi, imijelo yonke yakwaYuda iphalale amanzi; kuphume umthombo endlwini kaYehova, useze isihlambo semingampunzi.
 
19 IYiputa kuya kuba senkangala, nelakwaEdom libe yintlango esenkangala, ngenxa yokugonyamela kwabo oonyana bakaYuda, ekubeni bephalaze igazi elimsulwa ezweni labo.
 
20 Ke uYuda uya kumiwa ngonaphakade, iYerusalem imiwe kwizizukulwana ngezizukulwana.
 
21 Ndiya kulisula igazi labo endandingalisulanga; ngokuba uYehova uhleli eZiyon.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | |