Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EkaYakobi Chapter3
 
1 Musani ukuba ngabafundisi abaninzi, bazalwana bam, nisazi nje ukuba siya kwamkela olona lukhulu ugwebo.
 
2 Kuba siyakhubeka kaninzi sonke. Ukuba umntu akakhubeki zwini, lowo uyindoda egqibeleleyo, enako ukuwubamba ngomkhala nawo umzimba uphela.
 
3 Yabona, sifaka imikhala emilonyeni yamahashe, ukuba asithambele, siwajike umzimba wawo uphela.
 
4 Yabona, nayo imikhombe, imikhulu kangaka nje, iqhutywa nje yimimoya enamandla, ijikwa ngomthi wokujika omncinanana, iye apho sukuba umlawuli angxamele ukuba ingaya ngakhona.
 
5 Ngokunjalo nalo ulwimi, lulilungu elincinanana nje, luyagwagwisa kakhulu. Yabona ke, umlilo omncinane utshisa ihlathi elikhulu.
 
6 Nolwimi olu ngumlilo, lihlabathi elizele kukungalungisi; lunjalo ulwimi ukuhlala phakathi kwamalungu ethu. Lona luyawudyobha umzimba uphela, luvuthisa intenda yobomi; lona ke luvuthiswa sisihogo somlilo.
 
7 Kuba zonke iimvelo zezinto ezizitho zine, kwanezeentaka, nezezinambuzane, kwanezezinto eziselwandle, ziyadanjiswa, kanjalo sezikhe zadanjiswa yimvelo eyiyeyabantu;
 
8 ke lona ulwimi alunaye noko amnye ebantwini, unokuludambisa; lubububi obungenakubanjwa, luzele bubuhlungu obubulalayo.
 
9 Ngalo siyambonga uThixo uYise, nangalo siyabaqalekisa abantu abenziwe ngokomfanekiselo kaThixo.
 
10 Kwakulo mlomo mnye kuphuma intsikelelo nengqalekiso. Akufanelekile, bazalwana bam, ukuba ezi zinto zibe nje.
 
11 Umthombo umpompoza amnandi nakrakra kwangelo liso linye, yini na?
 
12 Unako yini na, bazalwana bam, umkhiwane ukuvelisa iinkozo zomnquma, uthi umdiliya uvelise amakhiwane? Ngokunjalo akukho namnye umthombo ongavelisa amanzi amtyuba namnandi.
 
13 Ngubani na olumkileyo, owaziyo kakuhle phakathi kwenu? Makayibonise imisebenzi yakhe ngehambo entle, enobulali bobulumko.
 
14 Ke, ukuba ninomona okrakra neyelenqe entliziyweni yenu, musani ukuyiqhayisela nokuyixoka inyaniso.
 
15 Obo bulumko asibubo obuhla phezulu; bobasemhlabeni, bobemvelo, bobeedemon.
 
16 Kuba apho kukhoyo umona neyelenqe, kubakho isiphithiphithi nemicimbi emibi yonke.
 
17 Ke bona ubulumko baphezulu ukuqala bunyulu, buze bube boboxolo; buyancendezela, buthozame kakuhle, buzele yinceba neziqhamo ezilungileyo; abunankani, abunaluhanahaniso.
 
18 Isiqhamo ke sobulungisa sihlwayelwa ngoxolo ngabo benza uxolo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | | 4 | 5 | [ Next ]