|
UIsaya Chapter62 1 Ngenxa yeZiyon andiyi kuthi tu, ngenxa yeYerusalem andiyi kuzola, bude buphume njengokusa ubulungisa bayo, nosindiso lwayo njengesikhuni esidangazelayo; 2 zibubone iintlanga ubulungisa bakho, nookumkani bonke babubone ubuqaqawuli bakho. Uya kubizwa ngegama elitsha, eliya kuxelwa ngumlomo kaYehova; 3 ube sisithsaba sokuhomba esandleni sikaYehova, nonkontsho lobukumkani entendeni yesandla soThixo wakho. 4 Akuyi kuba sathiwa kuwe unguSishiywa, nelizwe lakho akuyi kuba sathiwa kulo, Kusenkangala; ukubizwa kwakho kuya kuthiwa unguNdimnanzileyo, nelizwe lakho kuthiwe nguNokwenda; ngokuba uYehova ekunanzile, nelizwe lakho lendile. 5 Njengokuba indodana izeka intombi, oonyana bakho baya kuzeka wena; njengomyeni enemihlali ngomtshakazi, uThixo wakho uya kuba nemihlali ngawe. 6 Phezu kweendonga zakho, Yerusalem, ndimise abagcini:imini yonke nobusuku bonke abayi kuze bathi quthu; nina bakhumbuzi bakaYehova, musani ukuthi cwaka. 7 Musani ukuvuma ukuba athi cwaka, ade ayizinzise, ade ayenze iYerusalem ibe yindumiso ehlabathini. 8 UYehova ufunge isandla sakhe sokunene, nengalo yakhe eqinileyo, wathi, Inyaniso, ingqolowa yakhe andiyi kuba sayinika iintshaba zakho ziyidle, noonyana bolunye uhlanga bangaseli iwayini yakho entsha, owazixhamla ngayo. 9 Kuba ngabayihlanganisileyo abaya kuyidla, badumise uYehova; ngabayibuthayo abaya kuyisela ezintendelezweni zengcwele yam. 10 Phumani, phumani ngamasango; gecani indlela yabantu; fumbani, fumbani umendo, ncothulani amatye kuwo; nyusani ibhanile phezu kwezizwe. 11 Yabona, uYehova uvakalisile wesa eziphelweni zehlabathi, wathi, Yithini kwintombi enguZiyon, Yabona, usindiso lwakho luyeza; yabona, umvuzo wakhe unawo, nento ayisebenzileyo iphambi kwakhe. 12 Ukubizwa kwabo kuya kuthiwa ngabantu abangcwele, ngabakhululwa bakaYehova ngokumiselwa; ukubizwa kwakho kuthiwe, ungofuniweyo, ungumzi ongashiyiweyo.
|
|