Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
UIsaya Chapter30
 
1 Yeha ke, abantwana abaziinjubaqa, utsho uYehova; abenza iqhinga elingaphumi kum, bathelelane ngothelelwano kungengaMoya wam, ukuze bongeze isono kwisono;
 
2 abahamba bahle baye eYiputa, bengabuzanga emlonyeni wam, basabele egwibeni likaFaro, bazimele ngomthunzi weYiputa!
 
3 Ngoko ke liya kuthi igwiba likaFaro libe lidano kuni, nokuzimela ngomthunzi weYiputa kube lihlazo.
 
4 Ngokuba abathetheli babo baseTsohan, nabathunywa babo bafike eHanes.
 
5 Bonke baya kudana ngabantu abangabanyusiyo, abangengabokunceda, nabangengabokunyusa; abangabokudanisa, abangabokuhlazisa kananjalo.
 
6 Isihlabo esisingisele kwimvubu yelasezantsi. Ezweni leembandezelo nengcutheko, lengonyamakazi nengonyama, lephimpi, lenyushu enobuhlungu ephaphazelayo, babethwele ubutyebi babo ngemihlana yamankonyana amaesile, nobuncwane babo ngamalunda eenkamela, besiya kubantu abangenakubanyusa.
 
7 AmaYiputa ke aya kunceda ngokungekwanto nangokulambathayo; ngako oko ndithe ngawo angabagwagwisayo, behleli phantsi bethe tu.
 
8 Yiya ngoku, ukrole oko elucwecweni unabo, ukubhale encwadini, kube yinto yemihla ezayo, yanini, yaphakade.
 
9 Ngokuba ngabantu abaneenkani, ngoonyana abaxokayo, ngoonyana abangavumiyo ukusiva isiyalo sikaYehova;
 
10 abathi kwiimboni, Ze ningaboni; nakwiinkangeli, Ze ningasikhangeleli izinto ezithe gca; sithetheleni izinto ezigudileyo; khangelani izinto eziyinkohliso;
 
11 tyekani endleleni, yithini gu bucala emendweni; menzeni aphele ebusweni bethu oyiNgcwele kaSirayeli.
 
12 Ngako oko utsho oyiNgcwele kaSirayeli ukuthi, Ngokokuba nilicekisile elo lizwi, nakholosa ngokucudisa nangobugwenxa, nayama khona:
 
13 ngako oko, obo bugwenxa kuni buya kuba njengendawo ekrazukileyo, ewayo, ezimkayo eludongeni olude, ekuqhekeka kwayo kuza ngesiquphe nangephanyazo;
 
14 uya kuyiqhekeza njengokuqhekeka komphanda wombumbi, wakuqotywa ungayekwa, kungafumaneki ekuqotyweni kwawo negophe lokuthabatha umlilo eziko, nelokukha amanzi equleni.
 
15 Ngokuba itsho iNkosi, uYehova oyiNgcwele kaSirayeli, ukuthi, Beniya kusindiswa kukubuya nakukuphumla; ebengabakhoyo amandla enu ngokuzola nangokukholosa; nasuka anavuma.
 
16 Ke nathi, Hayi, siya kubaleka ngamahashe; niya kubaleka kambe. Nathi, Siya kukhwela kwiimbaleki; ngenxa yoko baya kuba namendu abanisukelayo.
 
17 Niya kubaleka niliwaka, ekhalime emnye; bekhalime bebahlanu, nibaleke nide nisale njengomtshanyane encotsheni yentaba, nanjengebhanile endulini.
 
18 Ngako oko uYehova uya kukha alinde, ukuze anibabale; ngako oko uya kukha akhwelele phezulu, ukuze abe nemfesane kuni; ngokuba nguThixo wogwebo uYehova; hayi, uyolo lwabo bonke abalindele kuye!
 
19 Ngokuba abantu aba baya kuhlala eZiyon, eYerusalem; aniyi kuba sabuya nilile; uya kunibabala ngenene ekuvakaleni kokukhala kwenu; akukuva, uya kusabela.
 
20 INkosi iya kuninika isonka sobandezelweyo namanzi oxiniweyo, bangabi sazimela abayali bakho, amehlo akho esababona abayali bakho;
 
21 iindlebe zakho zive ilizwi ngasemva kwakho, lisithi, Nantsi indlela; hambani ngayo, nokuba nisinga ekunene, nokuba nisinga ekhohlo.
 
22 Nowenza inqambi umaleko wemifanekiso yenu eqingqiweyo yesilivere, nesingxobo semifanekiso yenu etyhidiweyo yegolide; niya kuyichithachitha njengesishuba; uya kuthi kuyo, Khwelela umke apha.
 
23 INkosi yoyinika imvula imbewu yakho, owuhlwayela ngayo umhlaba; nesonka songeniselo lomhlaba sityebe, sibe namafutha; imfuyo yakho iya kudla ngaloo mini emadlelweni abanzi.
 
24 Iinkomo namaesile amatsha asebenza umhlaba, aya kudla umtywakaniselo onetyuwa, oweliweyo ngomnyazi nefolokhwe yokwela.
 
25 Phezu kweentaba zonke ezinde naphezu kweenduli zonke eziphakamileyo yoba yimijelo, yimisinga yamanzi, ngemini yembulalo enkulu, ekuweni kweenqaba ezinde.
 
26 Ukukhanya kwenyanga kuya kuba njengokukhanya kwelanga, nokukhanya kwelanga kube kasixhenxe njengokukhanya kweemini ezisixhenxe, ngemini yokubopha kukaYehova ukwaphuka kwabantu bakhe, apholise ukuphalusa kokubetha kwakhe.
 
27 Yabona, igama likaYehova liyeza, livela kude, uvutha umsindo wakhe, kuthe shinyi umsi:umlomo wakhe ulephuza amagwebu, ulwimi lwakhe lunjengomlilo otshisayo.
 
28 Ukufutha kwakhe kunjengomlambo okhukulayo, obetha emqaleni, ukuze azihluze iintlanga ngentluzo yokuziphanzisa, umkhala olahlekisayo ube semihlathini yezizwe.
 
29 Niya kuba nengoma enjengeyobusuku bokungcwaliswa komthendeleko, novuyo lwentliziyo lube njengabahamba bebetha ugwali, ukuya entabeni kaYehova, eliweni likaSirayeli.
 
30 Uya kulivakalisa uYehova izwi lakhe elinendili, akubonakalise ukuhla kwengalo yakhe kunokujala ngumsindo, nokulenya komlilo otshisayo, nokuphalazeka kwelifu, nesiphango, namatye esichotho.
 
31 Kuba uAsiriya uya kuqhiphuka umbilini lilizwi likaYehova, ekubetheni kwakhe ngentonga.
 
32 Kuya kuthi konke ukuhamba koswazi lommiselo, aluhlisayo uYehova phezu kwakhe, kube neengqongqo neehadi, kusiliwa naye imfazwe, kujinga ingalo.
 
33 Kuba kukade icangcisiwe, ilungisiwe iTofete, ibe ke ilungiselwe ukumkani; yenziwa yanzulu, yabanzi; igoqo layo linomlilo neenkuni ezininzi; ukuphefumla kukaYehova kuliphemba njengomlambo wesulfure.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | 51 | 52 | 53 | 54 | 55 | 56 | 57 | 58 | 59 | 60 | 61 | 62 | 63 | 64 | 65 | 66 | [ Next ]