|
AND
find keywords in
Home Page
Genesis Exodus Leviticus Numbers Deuteronomy Joshua Judges Ruth 1 Samuel 2 Samuel 1 Kings 2 Kings 1 Chronicles 2 Chronicles Ezra Nehemiah Esther Job Psalms Proverbs Ecclesiastes Song of Solomon Isaiah Jeremiah Lamentations Ezekiel Daniel Hosea Joel Amos Obadiah Jonah Micah Nahum Habakkuk Zephaniah Haggai Zechariah Malachi Matthew Mark Luke John Acts Romans 1 Corinthians 2 Corinthians Galatians Ephesians Philippians Colossians 1 Thessalonians 2 Thessalonians 1 Timothy 2 Timothy Titus Philemon Hebrews James 1 Peter 2 Peter 1 John 2 John 3 John Jude Revelation
|
|
|
UHoseya Chapter6 1 Yizani sibuyele kuYehova; kuba eqwengile, wosiphilisa; uxabele, wosibopha. 2 Wosidlisa ubomi, kwakuba ntsuku mbini; wosiphakamisa ngolwesithathu, sidle ubomi phambi kwakhe. 3 Masikwazi ke, masikusukele ukumazi uYehova; ukuphuma kwakhe kuqinisekile njengokuphuma kwesifingo, ukuba eze kuthi njengemvula, njengemvula evuthisayo, elinyakamisayo ilizwe. 4 Mandikuthini na, Efrayim? Mandikuthini na, Yuda? Uthando lwenu lunjengelifu lomso, lunjengombethe ophela kwakusasa. 5 Ngenxa yoko ndibaxozile ngabaprofeti, ndababulala ngamazwi omlomo wam; ukuze umgwebo wam uphume njengokukhanya. 6 Ngokuba ndinonelele uthando, andinonelele mbingelelo; ndinonelele ukwazi uThixo, ngaphezu kwamadini anyukayo. 7 Ke bona bawugqithile umnqophiso njengoAdam, banginiza kum apho. 8 IGiliyadi ngumzi wabasebenzi bobutshinga; uzele yimikhondo yegazi. 9 Bunjengokulalelwa kwendoda ngamatutu ubudlelane bababingeleli; bayancinitha endleleni eya kwaShekem, ewe, benze amanyala. 10 Endlwini kaSirayeli ndibone into ebanga amanwele; apho uEfrayim uyahenyuza, uSirayeli uzenza inqambi. 11 Kananjalo wena Yuda, umiselwe uvuno, ekukubuyiseni kwam ukuthinjwa kwabantu bam.
|
|
|