Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
KumaHebhere Chapter6
 
1 Endithi ngoko, masithi, siyeka elengqalo ilizwi elithetha ngoKristu, siqhubele kwelokukhula; singabuyi siseke ngeloguquko emisebenzini efileyo, nokukholwa kuThixo,
 
2 ngelemfundiso yeembhaptizo, neyokubekwa izandla, neyovuko lwabafileyo, neyogwebo olungunaphakade.
 
3 Oko ke sokwenza, ukuba angaba uthe uThixo wavuma.
 
4 Kuba abo bakha bakhanyiselwa, basiva isipho sasemazulwini, baba ngamadlelana ngoMoya oyiNgcwele,
 
5 bayiva incasa yelizwi elihle likaThixo, kwanamandla ephakade eliza kubakho,
 
6 baza babuya bakreqa:akunakwenzeka ukuba babuye bahlaziyelwe enguqukweni; ekubeni bephinda ukuzibethelelela emnqamlezweni uNyana kaThixo, bamhlaze ekuhleni.
 
7 Kuba umhlaba lo, uyiselayo imvula eza futhi phezu kwawo, uvelise imifuno elungele bona abo ulinywa nokulinywa ngenxa yabo, wamkela intsikelelo kuThixo;
 
8 ke, othi uvelise imithana enameva neenkunzane, awunto yanto, ukufuphi nengqalekiso; esiphelo sisa ekutshisweni.
 
9 Ke ngani nina, zintanda, sikholose ngelokuthi, nineendawo ezilungileyo kunezo, iindawo eziyelelene nosindiso, nakuba sisenjenje ukuthetha;
 
10 kuba akanantswela-bulungisa uThixo, ukude awulibale umsebenzi wenu, nomzamo wothando enalubonakalalisa kulo igama lakhe, nabalungiselelayo nje abangcwele, nisamana nibalungiselela.
 
11 Sinqwenela ke, ukuba ulowo kuni alubonakalalise kwaolo lukhuthalo, asingise kwinzaliseko yethemba, ade ase ekupheleni, ukuze ningabi ngababuthuntu;
 
12 ke nibe ngabaxelisa abo bathi, ngokholo nangokunyamezela, bawadla ilifa amadinga.
 
13 Kuba wathi uThixo, akumbeka ngedinga uAbraham, ekubeni bekungekho namnye umkhulu kunaye angamfungayo, wazifunga yena,
 
14 esithi, Inene, ndiya kuthi, ndisikelela, ndikusikelele; ndithi, ndisandisa, ndikwandise.
 
15 Waza ngokunjalo, enokunyamezela, walifumanisa idinga.
 
16 Kuba abantu okunene bafunga lowo umkhulu kubo, sithi kubo isifungo siphelise yonke impikiswano, sise engqinisekweni.
 
17 Uthe ngoko uThixo, enga angathi ngokukhona kugqithiseleyo akubonakalalise kwiindlalifa zedinga ukungaguquleki kwecebo lakhe, wasuka walamla ngesifungo;
 
18 ukuze kuthi, ngezinto ezimbini ezingenakuguquleka, angenako ukuxoka ngazo uThixo, sithi thina, basindileyo, sabamba ithemba elibekwe phambi kwethu, sibe novuselelo olunamandla;
 
19 ithemba ke esinalo ngokweankile yomphefumlo, linqabile, likwaqinile, lingena liye ngaphaya kwesikhuselo;
 
20 apho umanduleli uYesu wangena khona ngenxa yethu, ethe, ngokohlobo lukaMelkitsedeke, waba ngumbingeleli omkhulu osa ephakadeni.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | [ Next ]