Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
IGenesis  Chapter28
 
1 UIsake wambiza uYakobi, wamsikelela, wamwisela umthetho, wathi kuye, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan.
 
2 Suka uye ePadan-aram, endlwini kaBhetuweli unyokokhulu, uzeke khona umfazi ezintombini zikaLabhan, unyokolume.
 
3 Ngamana uThixo uSomandla wakusikelela, wakuqhamisa, wakwandisa, ukuze ube sisikhungu sezizwe;
 
4 akunike intsikelelo ka-Abraham, wena nembewu yakho ndawonye nawe, ukuze ulidle ilifa ilizwe lokuphambukela kwakho, elo uThixo walinika uAbraham.
 
5 UIsake wamndulula ke uYakobi; waya ePadan-aram, kuLabhan unyana kaBhetuweli umAram, umnakwabo boRebheka, unina booYakobi noEsawu.
 
6 UEsawu wabona ukuba uIsake umsikelele uYakobi, wamndulula ukuba aye ePadan-aram, azeke khona umfazi; ekumsikeleleni kwakhe wamwisela umthetho wokuthi, Uze ungazeki mfazi ezintombini zakwaKanan;
 
7 noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadan-aram.
 
8 Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;
 
9 wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.
 
10 Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.
 
11 Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belithshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.
 
12 Waphupha ebona ileli imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;
 
13 nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho;
 
14 imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi.
 
15 Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, nidide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.
 
16 Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi.
 
17 Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.
 
18 Wavuka uYakobi kwakusasa, walithabatha ilitye abelibeke phantsi kwentloko yakhe, walimisa lasisimiso, wathulula ioli phezu kwalo.
 
19 Wathi igama laloo ndawo yiBheteli, nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.
 
20 Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla, neengubo ndambatha,
 
21 ndabuyela endlwini kabawo ndinoxolo:uYehova woba nguThixo wam,
 
22 neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | 32 | 33 | 34 | 35 | 36 | 37 | 38 | 39 | 40 | 41 | 42 | 43 | 44 | 45 | 46 | 47 | 48 | 49 | 50 | [ Next ]