|
IDuteronomi Chapter34 1 Wenyuka ke uMoses, esuka ezi nkqantosini zakwaMowabhi, waya entabeni yeNebho, encotsheni yePisga, ekhangelene neYeriko. UYehova wambonisa lonke ilizwe laseGiliyadi, wasa kwaDan. 2 nelakwaNafetali lonke, nelizwe lakwaEfrayim noManase, nelizwe lonke lakwaYuda, wasa elwandle lwasentshonalanga; 3 nelasezantsi, nommandla wesihlambo seYeriko, umzi wamasundu, wasa eTsohare. 4 Wathi uYehova kuye, Lilo eli ilizwe endafunga ngalo kooAbraham noIsake noYakobi, ndisithi, Ndiya kulinika imbewu yakho; ndikukhangelisile ngamehlo, ke akuyi kuwela uye kulo. 5 Wafela khona uMoses, umkhonzi kaYehova, ezweni lakwaMowabhi, ngokomlomo kaYehova. 6 Wamngcwabela emfuleni, ezweni lakwaMowabhi, malungana neBhete-pehore. Akukho bani ulaziyo ingcwaba lakhe unanamhla. 7 UMoses ebeminyaka ilikhulu elinamanci mabini ezelwe, mini wafa; lingenalurhatyazo iliso lakhe, esomelele nokomelela. 8 Oonyana bakaSirayeli bamlilela uMoses ezinkqantosini zakwaMowabhi imilula emashumi mathathu; yaphela ke imihla yokumlilela nokumenzela isijwili uMoses. 9 Waza uYoshuwa, unyana kaNun, wazala ngumoya wobulumko; ngokuba uMoses wayecinezele ngezandla zakhe uMoses wamwisela umthetho ngako. 10 Akubanga savela kwaSirayeli mprofeti unjengoMoses, awathi uYehova wamazi, bakhangelana ebusweni; 11 ngemiqondiso yonke, nezimanga, awamthumayo uYehova ukuba azenze ezweni laseYiputa kuFaro, nakubakhonzi bakhe bonke, nakwilizwe lakhe lonke; 12 nangaso sonke isandla esithe nkqi, nangokoyikeka konke okukhulu, awakwenzayo uMoses emehlweni amaSirayeli onke.
|
|