Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
KwabaseKolose Chapter3
 
1 Ukuba ngoko navuswa kunye noKristu, funani izinto zaphezulu, apho akhona uKristu, ehleli ngasekunene kukaThixo.
 
2 Nyamekelani izinto zaphezulu, zingabi zezasemhlabeni.
 
3 Kuba nafayo, baye ubomi benu bufihlakele ndawonye noKristu kuye uThixo.
 
4 Xa athe wabonakalaliswa uKristu, obubomi bethu, ngelo xesha niya kubonakalaliswa nani, ninaye ebuqaqawulini.
 
5 Bhubhisani ngoko amalungu enu asemhlabeni:umbulo, ukungcola, ukuthabatheka okuhlazisayo, inkanuko embi, nokubawa, okuyinkonzo yezithixo kona oko;
 
6 eza ngenxa yezo zinto ingqumbo kaThixo phezu kwabangevayo;
 
7 enanifudula nihamba phakathi kwazo nani, okuya nibe nisidla ubomi nikuzo.
 
8 Ke ngoku, nani aba, kulahleni oku konke:ingqumbo, umsindo, ulunya, ukunyelisa; ukuthetha amanyala kungabikho emlonyeni wenu.
 
9 Musani ukuxokisana, nizihlubile nje umntu omdala, kunye nezenzo zakhe,
 
10 nambatha lowo umtsha, uhlaziyelwa ekwazini okuhle, ngokomfanekiselo walowo wamdalayo;
 
11 apho kungekho mGrike namYuda, kwaluka nokungaluki, mbharbhari namSkitiya, khoboka namkhululeki; usuke uKristu waba zizinto zonke, waba kubo bonke.
 
12 Yambathani ngoko, njengabanyulwa bakaThixo, abangcwele, abathandiweyo, iimfesane zeemfefe, ububele, ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo,
 
13 ninyamezelana, nixolelana, ukuba ubani uthi abe nokusola ngakubani; njengokuba naye uKristu wanixolelayo, yenjani njalo nani.
 
14 Ke, phezu kwazo zonke ezo zinto, yalekani uthando, oluyintambo yogqibelelo.
 
15 Uxolo lukaThixo, enabizelwa kwakulo mzimbeni mnye, malulawule ezintliziyweni zenu, nibe nokubulela.
 
16 Ilizwi likaKristu malihlale ngaphakathi kwenu ngokobutyebi; nifundisana, nilulekana ngabo bonke ubulumko; nithi, ngeendumiso neengoma nezango ezizezomoya, nivume kamnandi entliziyweni yenu kuyo iNkosi.
 
17 Nako konke enisukuba nikwenza ngelizwi, nokuba kungomsebenzi, yenzani izinto zonke egameni leNkosi uYesu, nibulela ngayo kuye uThixo uYise.
 
18 Nina bafazi, walulameleni awenu amadoda, njengoko kufanele abaseNkosini.
 
19 Nina madoda, bathandeni abafazi benu, ningabi bukhali kubo.
 
20 Nina bantwana, balulameleni abazali benu ezintweni zonke; kuba oko kukholekile kuyo iNkosi.
 
21 Nina boyise, musani ukubacaphukisa abantwana benu, ukuze bangafi iintliziyo.
 
22 Nina bakhonzi, balulameleni ezintweni zonke abaziinkosi zenu ngokwenyama; kungabi ngankonzo yamehlo, ngathi ningabakholisi-bantu; makube ngokwentliziyo engenakumbi, nisoyika uThixo.
 
23 Nako konke enisukuba nikwenza, kusebenzeni ngokwasemphefumlweni, kunge kukwiNkosi, akukhona kubantu;
 
24 nisazi nje ukuba niya kuyamkela eNkosini imbuyekezo yelifa; kuba nikhonza iNkosi uKristu.
 
25 Lowo umonayo omnye uya kukuthwala oko kona one ngako; kanjalo akukho kukhetha buso bamntu.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | | 4 | [ Next ]