Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyesiBini kwabaseKorinte Chapter6
 
1 Sisebenzisana naye nje ke, siyaniyala, ukuba ubabalo lukaThixo ningafumane nilwamkele;
 
2 kuba uthi, Ndakuva ngexesha elamkelekileyo, Ndakusiza ngomhla wosindiso. Yabonani, lingoku ixesha elamkeleke kakuhle; yabonani, ungoku umhla wosindiso:
 
3 kungabikho namnye esimmisela isikhubekiso, nokuba kukuwuphi na umcimbi, ukuze ulungiselelo lwethu lungabi nakubekwa bala;
 
4 sisuka sithi emicimbini yonke siziqondakalise ngokwabalungiseleli bakaThixo, ngokunyamezela okukhulu, sisezimbandezelweni, sisezingxakekweni, sisezingxinanweni,
 
5 sinemivumbo, sisezintolongweni, siseziphithiphithini, sibulaleka, singalali, sizila ukudla,
 
6 sinobunyulu, sinokwazi, sinokuzeka kade umsindo, sinobubele, sinoMoya oyiNgcwele, sinothando olungahanahanisiyo,
 
7 sinelizwi lenyaniso, sinamandla kaThixo, sineentonga zobulungisa zasekunene nezasekhohlo,
 
8 sikuzuko nakwintswela-mbeko, sikudumo olubi nakudumo oluhle;
 
9 ngathi singabalahlekisi, ukanti singabenyaniso; ngathi singabangaziwayo, ukanti singabaziwayo; ngathi singabafileyo, nanku Sisidla ubomi; ngathi singababethwayo, singabulawa noko;
 
10 ngathi sibuhlungu, ukanti singabahlala bevuya; ngathi singamahlwempu, ukanti singabatyebisa abaninzi ke; ngathi singabangenanto, ukanti singabahlala benezinto zonke.
 
11 Umlomo wethu uvulekile kuni, baseKorinte; intliziyo yethu yenziwe yabanzi.
 
12 Anixinene kuthi, nixinene ezimfesaneni zenu.
 
13 Umbuyekezo ke onjalo (ndithetha njengakubantwana bam), ndithi yibani banzi nani.
 
14 Musani ukunxulumana nabolunye uhlobo, abangakholwayo ke; kuba kunakwabelana kuni na ubulungisa nokuchasa umthetho? Kunabudlelane buni na ke ukukhanya nobumnyama?
 
15 Unakuvumelana kuni na ke uKristu noBheliyali? Unasahlulelwano sini na okholwayo nongakholwayo?
 
16 Inakudibana kuni na ke itempile kaThixo nezithixo? Kuba nina niyitempile kaThixo ophilileyo; njengokuba watshoyo uThixo ukuthi, Ndiya kuhlala phakathi kwabo, ndihambe phakathi kwabo; ndibe nguThixo wabo, babe ngabantu bam bona.
 
17 Kungoko ndithi, Phumani phakathi kwabo, nizahlule, itsho iNkosi, Nento engcolileyo ningayichukumisi; Ndandiya kunamkela,
 
18 Ndibe nguyihlo, Nina nibe ngoonyana neentombi kum; Itsho iNkosi uSomandla.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | [ Next ]