Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyokuQala kuTimoti Chapter6
 
1 Onke ke amakhoboka aphantsi kwedyokhwe, ndinga ke angababalela abaniniwo ekuthini, bafanelwe yimbeko yonke, ukuze igama likaThixo nemfundiso inganyeliswa.
 
2 Lawo ke ankosi zikholiweyo, makangazideli ngakuba zingabazalwana; makube kukhona azikhonzayo, ngokuba zingamakholwa, ziziintanda ezingamadlelana ngomsebenzi wokusiza. Bafundise ezi zinto, ubavuselele.
 
3 Ukuba umntu ufundisa mfundiso yimbi, angavumani namazwi aphilileyo angaweNkosi yethu uYesu Kristu, nemfundiso engokokuhlonela uThixo:
 
4 uthiwe lwale likratshi, engazi lutho kakuhle; ufa kukukhanuka iimbuzwano namaphike amazwi, ekuthi kwezo nto kuphume umona, iinkani, izinyeliso, izirhano ezingendawo,
 
5 iimpikiswano zochuku lwabantu abonakele iingqiqo, abahluthwe inyaniso, beba ukuhlonela uThixo kukusekeleza inzuzo.
 
6 Ke kona ukuhlonela uThixo, kundawonye nokwanela, kusekeleze inzuzo enkulu.
 
7 Kuba sibe singangenanga nanto ehlabathini; kuyabonakala kananjalo ukuba asinakuphuma nanto.
 
8 Sinento ke edliwayo neyambathwayo, masanele zezo zinto.
 
9 Ke abo banga bangaba zizityebi, beyela ekuhendweni, nasesibatheni, nasezinkanukweni ezininzi ezibubudenge ezenzakalisayo; zona zibatshonisayo abantu ekonakaleni, nasekutshabalaleni.
 
10 Kuba ukuthanda imali yingcambu yeento zonke ezimbi:abathe abathile, ngokuzolulela kuko, balahlekana nokholo, bazibhodloza ngobuhlungu obuninzi.
 
11 Ke wena, mntu kaThixo, zibaleke ezo zinto; phuthuma ke ubulungisa, ukuhlonela uThixo, ukholo, uthando, unyamezelo, ubulali.
 
12 Wuzame umzamo omhle wokholo; bubambe ubomi obungunaphakade, owabizelwa nokubizelwa kubo, waza waluvuma uvumo oluhle emehlweni amangqina amaninzi.
 
13 Ndiyakuthethela emehlweni kaThixo, ozidlisa ubomi zonke izinto, nasemehlweni kaKristu Yesu, owangqina wavuma uvumo oluhle phambi koPontiyo Pilato,
 
14 ukuba uwugcine umthetho lo, ungabi nabala, ungabi nakukhalazelwa, kude kufike ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Kristu,
 
15 aya kukubonakalisa ngawakhe amaxesha; lowo usikelelekileyo, ukuphela konamandla, uKumkani kakumkani, uNkosi kankosi;
 
16 okuphela konokungafi, ehleli ekukhanyeni okungenakusondelwa; ekungekho namnye kubantu owakha wambona, nonako ukumbona; kuye makubekho imbeko namandla angunaphakade. Amen.
 
17 Abazizityebi kweli phakade langoku bathethele bangakratshi, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe;
 
18 benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, babe nokwaba kakuhle, babe nobudlelane;
 
19 baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade.
 
20 Wa, Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine, uphambuke ezintethweni ezingezizo, ezihlambelayo, nakwiinkcaso zokwazi, okubizwa njalo kuxokwa;
 
21 abasuke abathile, bethe banako oku kwazi, baluphosa ukholo. Ubabalo malube nawe. Amen.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | |