Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyokuQala kaSamuweli Chapter3
 
1 Ke kaloku umntwana uSamuweli wayelungiselela kuYehova phambi koEli. Ilizwi likaYehova laliswelekile ngaloo mihla; kwakungekho mbono utyhilekileyo.
 
2 Kwathi ngaloo mhla, elele uEli endaweni yakhe, amehlo akhe eqale ukuba norhatyazo ukuba angabi nakubona,
 
3 singekacinywa isibane sikaThixo, uSamuweli elele ebhotweni likaYehova, apho ibikhona ityeya kaThixo,
 
4 uYehova wambiza uSamuweli; wathi yena, Ndilapha.
 
5 Wabalekela kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga; buya uye kulala. Waya walala.
 
6 Waqokela uYehova wambiza uSamuweli. Wavuka uSamuweli, waya kuEli, wathi, Ndilapha; ngokuba undibizile. Wathi yena, Andikubizanga, nyana wam; buya uye kulala.
 
7 Ke uSamuweli ebengekamazi uYehova, libe lingekatyhileki kuye ilizwi likaYehova.
 
8 Waqokela uYehova wambiza uSamuweli okwesithathu. Wavuka weza kuEli, wathi kuye, Ndilapha; ngokuba undibizile. Waqonda uEli ukuba uYehova umbizile umntwana.
 
9 Wathi uEli kuSamuweli, Hamba uye kulala; kothi, ukuba uthe wakubiza, uthi, Thetha, Yehova, ngokuba esiva umkhonzi wakho. Waya uSamuweli, walala endaweni yakhe.
 
10 Weza uYehova, wema, wabiza njengezinye izihlandlo, wathi, Samuweli, Samuweli. Wathi uSamuweli, Thetha, ngokuba esiva umkhonzi wakho.
 
11 Wathi uYehova kuSamuweli, Uyabona, ndenza into kwaSirayeli eya kubetha zithi nzwi iindlebe zombini zabantu bonke abaya kuyiva.
 
12 Ngaloo mini ndiyakumvelisela uEli yonke into endiyithethileyo ngokusingisele kwindlu yakhe; ndiqalile, ndiya kugqiba.
 
13 Ndimxelele ukuba ndiyayigweba indlu yakhe kudekuse ephakadeni, ngenxa yobugwenxa abaziyo; ngokuba baziqalekisa oonyana bakhe, akabangxolisa.
 
14 Ngoko ndiyifungele indlu kaEli, ndathi, Inene ubugwenxa bendlu kaEli abuyi kucanyagushelwa ngambingelelo, nangamnikelo wakudla, naphakade.
 
15 Walala uSamuweli kwada kwasa, wazivula ke iingcango zendlu kaYehova. USamuweli woyika ukumxelela uEli umbono lowo.
 
16 UEli wambiza uSamuweli, wathi, Samuweli, nyana wam.
 
17 Wathi yena, Ndilapha. Wathi, Liyintoni na ilizwi elo alithethileyo kuwe? Musa ukukha undifihlele. Makenjenje uThixo kuwe, aqokele ukwenjenje, ukuba uthe wandifihlela lizwi, emazwini onke awathethileyo kuwe.
 
18 USamuweli wamxelela amazwi onke, akamfihlela nto. Wathi ke yena, NguYehova; makenze oko kulungileyo emehlweni akhe.
 
19 Wakhula uSamuweli; uYehova waba naye, akwawa phantsi nalinye ilizwi emazwini akhe onke emhlabeni.
 
20 Onke amaSirayeli, ethabathele kwaDan esa eBher-shebha, azi ukuba uSamuweli ngumprofeti othembekileyo kaYehova.
 
21 Waqokela uYehova wabonakala eShilo; ngokuba uYehova wazityhila kuSamuweli eShilo ngelizwi likaYehova.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | 30 | 31 | [ Next ]