Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyokuQala yeziKronike Chapter9
 
1 Onke ke amaSirayeli abhalwa emilibeni yokuzalwa:nango ke ebhaliwe encwadini yookumkani bakwaSirayeli. AmaYuda athinjwa, asiwa eBhabheli ngenxa yokumeneza kwawo.
 
2 Abemi bokuqala, ababesemafeni abo emizini yabo, babengamaSirayeli, ababingeleli, nabaLevi, nabasebenza etempileni.
 
3 EYerusalem kwahlala aboonyana bakaYuda, naboonyana bakaBhenjamin, naboonyana booEfrayim noManase:
 
4 ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani, koonyana bakaPeretse, unyana kaYuda.
 
5 NakumaShilo:nguAzaya amazibulo akhe, noonyana bakhe.
 
6 Koonyana bakaZera nguYehuweli nabazalwana bakhe:amakhulu amathandathu anamanci asithoba.
 
7 Koonyana bakaBhenjamin:nguSalu unyana kaMeshulam, unyana kaHodafiya, unyana kaHasenuwa,
 
8 noIbheneya unyana kaYeroham, noEla unyana kaUzi, unyana kaMikri, noMeshulam unyana kaShefatiya, unyana kaRehuweli, unyana kaIbheniya;
 
9 nabazalwana babo ngokweenzala zabo:amakhulu asithoba anamanci mahlanu anabathandathu. Onke loo madoda abeziintloko zezindlu zooyise ezindlwini zooyise.
 
10 Kubabingeleli:nguYedaya, noYehoyaribhi, noYakin,
 
11 noAzariya, unyana kaHilekiya, unyana kaMeshulam, unyana kaTsadoki, unyana kaMerayoti, unyana ka-Ahitubhi, inganga yendlu kaThixo;
 
12 noAdaya, unyana kaYeroham, unyana kaPashure, unyana kaMalekiya; noMahasayi unyana ka-Adiyeli, unyana kaYazera, unyana kaMeshulam, unyana; kaMeshilemiti, unyana kaImere;
 
13 nabazalwana babo, iintloko zezindlu zooyise, iwaka elinamakhulu asixhenxe, anamanci mathandathu amagorha anobukroti ekuwusebenzeni umsebenzi wendlu kaThixo.
 
14 KubaLevi:nguShemaya, unyana kaHashubhi, unyana ka-Azerikam, unyana kaHashabhiya koonyana bakaMerari;
 
15 nguBhakebhakare, noHereshe, noGalali; noMataniya unyana kaMika, unyana kaZikri, unyana ka-Asafu;
 
16 no-Obhadiya, unyana kaShemaya, unyana kaGalali, unyana kaYedutun; noBherekiya unyana ka-Asa, unyana kaElikana, obehleli emizaneni yamaNetofa.
 
17 Abamasango:nguShalum, noAkubhi, noTalemon, noAhiman, nabazalwana babo; intloko inguShalum;
 
18 kude kwaba namhla esesangweni lokumkani empumalanga. Ngabo abo abamasango eminqubeni yoonyana bakaLevi.
 
19 UShalum, unyana kaKore, unyana kaEbhiyasafu, unyana kaKora, nabazalwana bakhe ngokwendlu yooyise, amaKora, ayephethe umsebenzi wenkonzo, engabagcini beminyango yentente. Nooyise bawo babephethe iminquba kaYehova, begcina isango.
 
20 UPinehasi, unyana kaElazare, waye eyinganga yabo ngenxa engaphambili; uYehova wayenaye.
 
21 UZekariya unyana kaMeshelemiya wayengowesango ekungeneni kwentente yokuhlangana.
 
22 Bonke bephela, behleliwe ukuba babe ngabagcini bamasango, babengamakhulu amabini, anashumi-nye linababini. Bona babebhalwe emilibeni yabo yokuzalwa emizaneni yabo. Bona bamiswa nguDavide noSamuweli imboni, ngokunyaniseka kwabo.
 
23 Bona abo noonyana babo babesemasangweni endlu kaYehova, endlu yentente, ngokokugcina.
 
24 Babekho abamasango ngamacala omane, ngasempumalanga, ngasentshonalanga, ngasentla, nangasezantsi.
 
25 Abazalwana babo emizaneni yabo babengabokuza ngomhla wesixhenxe amaxesha ngamaxesha kunye nabo.
 
26 Ngokuba abaLevi abo, abaphathi abakhulu abane ababengabamasango, babephethe amagumbi nobuncwane bendlu kaThixo benyanisile.
 
27 Ukulala, babeyijikeleza indlu kaThixo; ngokuba ukugcina bekukokwabo, kunabo ukuyivula imiso ngemiso.
 
28 Kubo bekukho abaphethe iimpahla zenkonzo; ngokuba babezingenisa ngenani, bazikhuphe ngenani.
 
29 Kubo bekukho abamiselwe phezu kwempahla, naphezu kwempahla yonke engcwele, naphezu komgubo ocoliweyo, newayini, neoli, nentlaka emhlophe, nobulawu.
 
30 Koonyana bababingeleli bekukho abacola ubuqholo bobulawu.
 
31 UMatitiya, omnye wakubaLevi, obengowamazibulo kaShalum umKora, ubephethe enyanisekile umsebenzi wokosa ngeepani.
 
32 Koonyana bakaKehati, kubazalwana babo, bekukho ababephethe izonka ezikroziswayo, ukuzilungisa iisabatha ngeesabatha.
 
33 Zizo ezo iimvumi, iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ezibe zihleli emagumbini zikhululekile; ngokuba beziphethe umsebenzi imini nobusuku.
 
34 Zizo ezo iintloko zezindlu zooyise zabaLevi, ziziintloko ngokweenzala zazo, ezo zahlala eYerusalem.
 
35 EGibheyon kwakuhleli ozala amaGibheyon, uYehiyeli; igama lomkakhe belinguMahaka.
 
36 Unyana wakhe wamazibulo nguAbhedon, yanguTsure, noKishe, noBhahali, noNere, noNadabhi,
 
37 noGedore, noAhiyo, noZekariya, noMikeloti.
 
38 UMikeloti wazala uShimeham. Kwanabo bahlala nabazalwana babo eYerusalem, malunga nabazalwana babo.
 
39 UNere wazala uKishe; uKishe wazala uSawule; uSawule wazala uYonatan, noMalekishuwa, noAbhinadabhi, noEshbhahali.
 
40 Unyana kaYonatan nguMeribhi-bhahali; uMeribhi-bhahali wazala uMika.
 
41 Oonyana bakaMika nguPiton, noMeleki, noTareya, noAhazi.
 
42 UAhazi wazala uYara; uYara wazala uAlemete, noAzemavete, noZimri; uZimri wazala uMotsa.
 
43 UMotsa wazala uBhineha, noRefaya unyana wakhe, uElehasa unyana wakhe, uAtsele unyana wakhe.
 
44 UAtsele ubenoonyana abathandathu; ngawo la amagama abo:nguAzerikam, noBhokeru, noIshmayeli, noShehariya, no-Obhadiya, noHanan. Ngabo abo oonyana baka-Atsele.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | [ Next ]