Bible-Server.org  
 
 
Praise the Lord, all ye nations      
Psalms 117:1       
 
enter keywords   match
 AND find keywords in

Home Page
Genesis
Exodus
Leviticus
Numbers
Deuteronomy
Joshua
Judges
Ruth
1 Samuel
2 Samuel
1 Kings
2 Kings
1 Chronicles
2 Chronicles
Ezra
Nehemiah
Esther
Job
Psalms
Proverbs
Ecclesiastes
Song of Solomon
Isaiah
Jeremiah
Lamentations
Ezekiel
Daniel
Hosea
Joel
Amos
Obadiah
Jonah
Micah
Nahum
Habakkuk
Zephaniah
Haggai
Zechariah
Malachi
Matthew
Mark
Luke
John
Acts
Romans
1 Corinthians
2 Corinthians
Galatians
Ephesians
Philippians
Colossians
1 Thessalonians
2 Thessalonians
1 Timothy
2 Timothy
Titus
Philemon
Hebrews
James
1 Peter
2 Peter
1 John
2 John
3 John
Jude
Revelation
 
 

 
 
translate into
EyokuQala yeziKronike Chapter28
 
1 UDavide wababizela ndawonye bonke abathetheli bamaSirayeli, abathetheli bezizwe nabathetheli bamaqela ngamaqela abalungiselela ukumkani nabathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu, namagosa empahla yonke, nabemfuyo yokumkani neyoonyana bakhe, kunye nababusi namagorha, nento yonke eligorha elinobukroti, ukuba beze eYerusalem.
 
2 Wesuka wema ngeenyawo uDavide ukumkani, wathi:Ndiphulaphuleni, bazalwana bam, bantu bam. Mna, kwaye kusentliziyweni yam ukuyakhela indlu yokuhlala ityeya yomnqophiso kaYehova, isihlalo seenyawo zikaThixo wethu, ndalungisela ukwakha;
 
3 koko uThixo wathi kum, Uze ungalakheli ndlu igama lam, ngokuba uyindoda yemfazwe, uphalaze igazi elininzi.
 
4 Ke wandinyula uYehova, uThixo kaSirayeli, endlwini yonke kabawo, ukuba ndibe ngukumkani kumaSirayeli ngonaphakade; ngokuba unyule uYuda ukuba abe yinganga, endlwini kaYuda unyule indlu kabawo, koonyana bakabawo ukholwe ndim, ukuba andenze ukumkani kumaSirayeli onke.
 
5 Nakoonyana bam bonke (ngokuba undinike oonyana abaninzi uYehova), unyule uSolomon unyana wam, ukuba ahlale etroneni yobukumkani bukaYehova kumaSirayeli.
 
6 Wathi kum, USolomon, unyana wakho, nguye oya kwakha indlu yam neentendelezo zam; ngokuba ndizinyulele yena ukuba abe ngunyana kum, ndibe nguyise kuye mna;
 
7 ndibuzinzise ubukumkani bakhe kude kuse ephakadeni, ukuba uthe waqinisela ukuyenza imithetho yam namasiko am, njengoko kunjalo namhla.
 
8 Ngoko ke ndiyaniyala emehlweni amaSirayeli onke, ibandla likaYehova, nasezindlebeni zoThixo wethu:gcinani niquqele kuyo yonke imithetho kaYehova uThixo wenu, ukuze nilime eli lizwe lihle, nilishiye libe lilifa koonyana benu emva kwenu, kude kuse ephakadeni.
 
9 Ke wena Solomon, nyana wam, uze umazi uThixo kayihlo, umkhonze ngentliziyo epheleleyo, nangomphefumlo ovumayo; ngokuba uYehova uyazingxoka zonke iintliziyo, akuqonde konke ukuyila kweengcinga zabantu. Ukuba uthe wamfuna, wofunyanwa nguwe; ukuba uthe wamshiya, wokulahla mpela.
 
10 Uze ulumke ke; ngokuba uYehova ukunyule ukuba wakhe indlu ibe yeyengcwele. Yomelela uyenze.
 
11 UDavide wamnika uSolomon unyana wakhe isilinganiso sevaranda, nesezindlu zayo, nesoovimba bayo, nesamagumbi ayo aphezulu, nesamagumbi ayo aphakathi, nesendlu yokucamagusha;
 
12 nesilinganiso seento zonke abenazo engcingeni yakhe:eseentendelezo zendlu kaYehova, nesamagumbi onke ngeenxa zonke, nesamagumbi obuncwane bendlu kaThixo, awobuncwane bezinto ezingcwele;
 
13 nesamaqela ababingeleli nabaLevi, nesomsebenzi wonke wenkonzo yendlu kaYehova, neseempahla zonke zenkonzo yendlu kaYehova;
 
14 nesezinto zegolide, ngokobunzima begolide yeempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo; neseempahla zonke zesilivere, ngokobunzima beempahla zonke zeenkonzo ngeenkonzo;
 
15 nobunzima beziphatho zezibane zegolide, nobezibane zazo zegolide, ngokobunzima besiphatho ngesiphatho, nobezibane zazo; nobeziphatho zesilivere ngokobunzima besiphatho, nobezibane zazo, ngokwenkonzo yesiphatho ngesiphatho sezibane;
 
16 negolide ngokobunzima beetafile zokucwangcisa izonka, betafile ngetafile, nesilivere yeetafile zesilivere.
 
17 Wamnika nesilinganiso seefolokhwe, nesezitya zokutshiza, neseendebe zegolide ecocekileyo; neseendebe zegolide, ngokobunzima bendebe ngendebe neseendebe zesilivere ngokobunzima bendebe ngendebe;
 
18 nesesibingelelo sesiqhumiselo segolide ehluziweyo, ngokobunzima; nesilinganiso senqwelo, seekerubhi zegolide, ezolula amaphiko azo, zisithelisa ityeya yomnqophiso kaYehova.
 
19 Yonke loo nto, watsho uDavide, yonke imisebenzi yokulinganisa undiqondisile ngokubhala okuvela esandleni sikaYehova, seza phezu kwam.
 
20 Wathi uDavide kuSolomon unyana wakhe, Yomelela ukhaliphe, wenze. Musa ukoyika, musa ukuqhiphuka umbilini; ngokuba uYehova uThixo, uThixo wam, unawe; akayi kukuyekela, akayi kukushiya, ude uwugqibe wonke umsebenzi wenkonzo yendlu kaYehova.
 
21 Nanga ke amaqela ababingeleli, nawabaLevi bomsebenzi wonke wendlu kaThixo. Banawe kuwo wonke umsebenzi, bonke abaya kubunika ngokuqhutywa yintliziyo ubulumko bomsebenzi wonke; nabathetheli nabantu bonke bowaphulaphula amazwi akho onke.
 
 

  [ Prev ] 1 | 2 | 3 | 4 | 5 | 6 | 7 | 8 | 9 | 10 | 11 | 12 | 13 | 14 | 15 | 16 | 17 | 18 | 19 | 20 | 21 | 22 | 23 | 24 | 25 | 26 | 27 | 28 | 29 | [ Next ]