|
EyokuQala yeziKronike Chapter25 1 UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli: 2 Koonyana baka-Asafu:nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani. 3 KuYedutun:oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova. 4 KuHeman:oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomamti-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti. 5 Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabane, neentombi ezintathu. 6 Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman. 7 Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo. 8 Bawisa amaqashiso esigxina:njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo. 9 Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu:yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya:yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini; 10 elesithathu noZakure:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini; 11 elesine noItseri:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 12 elesihlanu noNetaniya:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 13 elesithandathu noBhukiya:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 14 elesixhenxe noYesharela:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 15 elesibhozo noYeshaya:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 16 elesithoba noMataniya:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 17 eleshumi noShimehi:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 18 eleshumi elinanye noAzareli:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 19 eleshumi elinesibini noHashabhiya:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 20 eleshumi elinesithathu noShubhayeli:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 21 eleshumi elinesine noMatitiya:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 22 eleshumi elinesihlanu noYeromoti:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 23 eleshumi elinesithandathu noHananiya:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 24 eleshumi elinesixhenxe noYoshebhekasha:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 25 eleshumi elinesibhozo noHanani; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini; 26 eleshumi elinesithoba noMaloti:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 27 elamashumi omabini noEliyata:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 28 elamashumi omabini analinye noHotire; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 29 elamashumi omabini anesibini noGidaleti:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 30 elamashumi omabini anesithathu noMahaziyoti:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhebaba lishumi elinababini; 31 elamashumi omabini anesine noRomamti-ezere:yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini.
|
|